DStv PremiershipEzintsha

IStellies igxininisa indawo yayo ukuze badlale imidlalo yeCAF

By Lukanyo Tshitshi

IStellenbosch iqhubela phambili nokusamenta indawo yalo kwitafile ye-Dstv Premiership emva kokuthwaxa iqela laseLimpopo iPolokwane City ngo-5 – 0 ngoMgqibelo eDanie Craven Stadium.

Kumdlalo oqale ngesantya esiphantsi eDanie Craven Stadium, iStellies sifumene inqaku ngomzuzu we-15 kwisiqingatha sokuqala xa u-a-Iqraam Rayners ekhulule imbumbulu engaphandle kwebhokisi yeCity ekora inqaku elihle.

Iqela likaBarker libuye kwisiqingatha sesibini lityhile kwiphepha lemfene nefolosi yabo uRayners ubuye evutha bhe wongeza amanqaku amane emnye.

Emva kokufaka amanqaku amahlanu kumdlalo omnye we-PSL URayners ubhale igama lakhe kwincwandi zembali nanjengoko engumdlali wesibini ukwenza oko emva kukaJames Chamanga owayedlalela iMoroka Swallows.

Ethetha kwinkomfa yonondaba emva komdlalo uSteve Barker uyincomile ifolisi yakhe esithi, ukubizwa kuka Rayners kwiqela lesizwe kunyuse ukuzithemba.

“Ngoku efumene olo bizo lweBafana Bafana, ndicinga ukuba umdlalo wakhe uye wafikelela kwinqanaba eliphezulu kwaye waphucuka kakhulu kwaye wafaka amanqaku amaninzi.

“Ndicinga ukuba uzenzela izinto ezininzi xa sele esaziwa ukukhethwa kweqela leBafana. Ndiyathemba ukuba angasigcina eso sikhundla,” utshilo uBarker.

Amadodana kaBarker, ahleli kwindawo yesibini kwitafile yePremiership ngamanqaku angama-46 emva kwemidlalo engamashumi mabini anesihlanu esele idlaliwe kule sizini.

Eli qela lisethubeni elikhulu lokuba liyokudlala kwiCAF kwisizini ezayo nanjengoko lishiya iqela le-Orlando pirates eliza emva kwabo ngamanqaku asithandathu.

Ukuphumelela kwePirates kumdlalo wamanhlanje xa idlala neRoyal AM akuzukwenza mahluko ntonje kuzakufaka eli qela lika Barker phantsi koxinzelelo.

Emva kokuyiqala ngesingqi esiphantsi isizini ka 2023/24, uBarker utyhile emfeneni kumjikelo wesibini walesizini. IStellies alibethwangwa kwimidlalo engama-24 eliyidlalileyo ngokulandelana kukhuphiswano lonke.