Ezintsha

Bukele: UDJ Khaled enqwenelele impumelelo iSundowns xa idlala ne-Esperance

IMamelodi Sundowns ifumene umyalezo abangasebenza phezu kwayo umqeqeshi uRulani Mokwena mhlawumbi uzakusebenza kuye ngoLwesihlanu ebusuku.

Lo myalezo uphume kwimvumi edumileyo kwihlabathi, uDJ Khaled ephantsi kwenkampani enye neSundowns, iRock Nation.

Le nkxaso yeSundowns yile mvumi ibonisa ubukhulu bomdlalo ejongene nawo.

Iza kungquzulana ne-Esperance yaseTunisia kumlenze wesibini kumdlalo owandulela owamagqibela kankqoyi weCaf Champions League.

Umdlalo uzakudlalelwa eLoftus Stadium ngoLwesihlanu ngentsimbi yesibhozo ebusuku. ISundowns ilandela emva ngo 1-0 kwaye kufuneka ijike amatshe abe zizonka ukuze ingene kumdlalo wokugqibela.

“Thina Sundowns, ewe ndithi Sundowns, masinincede,” itshilo le mvumi edume ngengoma ethi “God Did” nezinye.

“Masixhasane kumdlalo owandulela owokugqibela. Ndithi ndikunqwenelela amathamsanqa kodwa hayi… Ndithi PHAKAMA, injalo nje. Masihambe.”

Emva koko uqhubekile umqeqeshi, uRulani Mokwena echaza ukuba eli lithuba elibalulekileyo kubo.

“Lithuba lokuzivavanya kwelinye lamaqela abalaseleyo kwilizwekazi,” utshilo umqeqeshi eshwankathela