
ISundowns iseke irekhodi elitsha lePSL
IMamelodi Sundowns ifumene irekhodi elitsha lePremier Soccer League (PSL) emva kokuphumelela kwayo ngo 2-1 bedlala neSekhukhune United kumdlalo weDStv Premiership obuseLoftus Versfeld ngoLwesibini.
Emva kokwenza inguqu ezili-11 kwiqela eliphulukene no-1-0 yi-Esperance Sportive de Tunis eTunisa ngoLwesihlanu.
Kucingelwa umdlalo wokubuyela eLoftus kulo Lwesihlanu uzayo, umqeqeshi oyintloko uRulani Mokwena uye wafaka iinguqu kwaye uTashreeq Matthews ubanike iphupha, efaka inqaku ngomzuzu wokuqala.
UThapelo Morena, oqale ngaphambili ekunye noMatthews ufake inqaku lesibini emva kwemizuzu esixhenxe phambi komdlalo othe kratya ukuya kwixesha lokuphumla.
ULehlohonolo Seema wenze iinguqu ezimbini kanye phambi kokuba kuyiwe ekhefini, kucaca ukuba akonelisekanga sisiphumo seqela lakhe, uLehlohonolo Mtshali noJamie Webber abakhuphe uChibuike Ohizu noKamohelo Mokotjo.
Utshintsho luhlawule imbuyekezo, kwimizuzu emihlanu kwisiqingatha sesibini, xa u-Ohizu efaka inqaku ngephenalthi kodwa iSundowns ikwazile ukuphumlela umdlalo kwaye iseke irekhodi lemidlalo engama-22 ingabethwa kulesizini.
