Ezintsha

Amajimbos azixhwithele kwiLos Cafeteros juniors

Iqela lesizwe labadlala boMzantsi Afrika elineminyaka engaphantsi kwe-17 lidlale ntanganye ngo 2-2 neColombia kumdlalo walo wokuqala wamazwe ngamazwe wobuhlobo e-Estadio Francisco Rivera Escobar, ePalmira, eCali, ngoMvulo.

Amajimbos aqhube kakuhle kakhulu kwisiqingatha sokuqala kwaye aye ekhefini ehamba phambili emva kokuba uSteven Mendes evule inqaku ngembumbulu encumisayo ebivela kwicala elibanzi ngomzuzu wamashumi amathathu anesithathu.

IColombia yenze iinguqu ezintlanu ekuqaleni kwesiqingatha sesibini yaza yazama ukufaka uxinizelelo kuMzantsi Afrika, kodwa yatshona njengoko aMajimbosi edlala ngokubamnisana de ibhola yafumana  uSivuziwe Lonzi obekedlala umdlalo wakhe wokuqala wesizwe nothe wafumana inqaku lakhe lokuqala ngomzuzu wamashumi amahlanu anesixhenxe.

Umqeqeshi uVela Khumalo emva koko uye wafaka abadlali abathathu ngomzuzu wamashumi amathandathu kwangena uDa Silva, uMhlongo noMsimango kungene uStevens, uLonzi noMendes ngolo hlobo.

Emva kwemizuzu esixhenxe, uBohloko, uPama, uRadebe noBooysen bathatha indawo ka-Adams, uMadondo, uMorake noMaake.

Abadlali bomdlalo batshintshe ubume bomdlalo kwaye babone uMzantsi Afrika unikezela amanqaku amabini kwiimpazamo ngasemva njengoko iColombia ikwazile ukubuyela emdlalweni ngamagowuli kaNick Mendez no-Edmilson Herazo ngomzuzu wama-79 nowama-90 ngokulandelelana.

“Sibe nesiqingatha sokuqala esihle kakhulu kwaye abafana kufuneka bazingce ngabo. Baphawule zonke iibhokisi kwisicwangciso sobuchule ebesinabo,” utshilo uKhumalo.

“Baligcinile ibhola, bafaka amanqaku, kwaye babambelela kwintanda-bulumko esifuna ukuyibethelela kubo.

“Siye safaka amalalela kwisiqingatha sesibini kuba sifuna ukubanika abadlali ithuba lokubaleka, ngelishwa, oko kwatshintsha ubume bomdlalo.

“Siyavuya ngomdlalo wabafabana siza kujonga ukwenza ngcono ngakumbi ngoLwesithathu xa sidlala neColombia kwakhona.”