EzintshaWomen's Football Super League

Kuhambe phambili ubundlobongela kwidabi laseKZN kwimdlalo yeSuper League

Ingxabano ebinobundlobongela kwidabi laKwaZulu-Natal phakathi kweRoyal AM neLindelani Ladies igubungele imidlalo yeHollywoodbets Super League kule veki njengoko abadlali abahlanu bekhutshelwe ngaphandle ngenxa yokufumana amakhadi abovu.

IRoyal AM iphumelele umdlalo wabo wokuqala  kule sizini iphumelele  ngo 2-1 kumabala emidlalo ePrince Magogo. Iziphumo zibenze batsiba indawo ezine ukuya kwindawo ye-11 ngamanqaku asixhenxe ngelixa oomakoti iLindelani ihleli kwindawo ye-15 ngamanqaku amane kwimidlalo esixhenxe.

Amaqela aseKZN asemanzini ashushu nombutho webhola ekhatywayo eMzantsi Afrika (SAFA) emva kwengxwabangxwaba phakathi kwawo ngasekupheleni komdlalo. 

Usompempe ukhuphe amakhadi abomvu amahlanu emisa umlo. . Ngokwengxelo yeSAFA kusasa ngoMvulo umbutho izakufunda ingxelo yomkomishinala womdlalo kunye nomboniso kamabonakude phambi kokuba ibize amacala kwinkundla yoluleko ngokubeka isidima somdlalo wabasetyhini embhoxweni.

Kwenye indawo, iintshatsheli ezikhuselayo, iMamelodi Sundowns Ladies, azikhange zikhuphe unyawo lwazo kumjikelo wesibhozo wesizini yeSuper League, njengoko zibethe iRichmond United ngo 5-0 kude eMntla Koloni.

USisanda Hadebe uvule igowuli lakhe lokuqala ngemibala yeSundowns, walandelwa nguKholosa Biyana noLebo Ramalepe nowenze   3-0 kwixesha lokuphumla. UNthabiseng Majiya noMelinda Kgadiete bagqibezele umsebenzi kwisiqingatha sesibini. ISundowns igcine indawo ephezulu ngamanqaku ali-18 kwimidlalo esixhenxe ngelixa i-United yehlele kwindawo yesibhozo ngamanqaku ali-12.

I-University of Pretoria izibambele nayo njengoko ibethe iCopperbelt Ladies yaseLimpopo ngo 3-2 ePitoli. AmaTuks agcine indawo yesibini, babambene ngamanqaku alishumi elinesibhozo neSundowns, yomibini kwimidlalo esixhenxe. ICopperbelt yehlele kwindawo yesithandathu ngamanqaku alishumi elinesibini kwimidlalo esibhozo.

Ukanti iUniversity of Johannesburg (UJ) ihleli kwindawo yesithathu ngamanqaku alishumi elinesithandathu iphumelele ngo 2-0 ekuhambeni kwiDurban Ladies.

Ezinye iziphumo:

Thunderbirds Ladies 0-5  JVW 

UWC 4-0 City Lads

TUT Matsatsantsa 2-3 First Touch Academy

TS Galaxy Queens 0-1 University of Fort Hare

Ilog ehlaziyiweyo: