
Umdlalo wokugqibela weNedbank Cup uzakudlalelwa eMpumalanga
I-PSL iqinisekise ukuba umdlalo wamagqibela kankqoyi weNedbank Cup uzakudlalelwa eMbombela Stadium eMpumalanga.
Oku kuvele ngeCawe emva komdlalo phakathi kweTS Galaxy neChippa United kwakulo eli bala apho iChilli Boys izibekele indawo kumaqela amane okugqibela kwiNedbank Cup ibetha eli qela lasekhaya.
IMamelodi Sundowns ibe liqela lokuqala ukudlulela kumdlalo owandulela owamagqibela kankqoyi emva kokuba iphumelele ngo 4-3 kumapenela bedlala namaTuks. Umdlalo uphele ebambene ngo 1-1 emva kobunzima bemizuzu eli-120 eLucas Moripe Stadium ngorhatya lwangoLwesihlanu.
IStellenbosch FC ibiliqela lesibini elidlulele kwindawo yesine yokugqibela emva kwemini ngoMgqibelo. Batywatyusha iSuperSport United ngo 4-0 eDanie Craven Stadium.
Iintshatsheli ezikhuselayo, i-Orlando Pirates, zibethe AmaZulu ngo 4-2 eMoses Mabhida ngoMgqibelo ngokuhlwa.
Umdlalo wamagqibela kankqoyi weNedbank Cup uza kubanjelwa eMbombela Stadium ngoMgqibelo, umhla wokuqala kuJuni.
ABafana Ba Style, iStellies, iOrlando Pirates kunye neChippa United baza kulwela indawo kumdlalo wamagqibela kankqoyi.
Iqela lokuqala elitsaliweyo liza kudlalela ekhaya, ze elesibini libe ziindwendwe.
IChippa United v Orlando Pirates
Stellenbosch FC v Mamelodi Sundowns
Amanye amaqela azakudlala kwi-semifinals yi-Mamelodi Sundowns, iStellenbosch ne-Orlando Pirates
