
UBarker uthi iqela lakhe livuthiwe emva kokutyumza iSuperSport kumdlalo weNedbank
Umqeqeshi weStellenbosch FC uSteve Barker ukholelwa ukuba ukuphumelela kwabo ngo 4-0 kwiSuperSport United bubungqina bokuvuthwa kweqela lilonke.
Iqela elisuka eWinelands libunjwe ikakhulu ngabadlali abasakhulayo abathe bafumana amava kunye kumdlalo ophambili kwaye ngoku badlulele kumdlalo owandulela owamagqibela kankqoyi weNedbank Cup emva kokutyumza aMatsatsantsa emva kwemini ngoMgqibelo.
UBarker uthi iStellies mayisinconywe ngakumbi.
”Andiqondi ukuba banconywa ngokwaneleyo aba badlali, yimidlalo engama-21 singekabethwa, siphumelele imidlalo engama-16 , sifake amagowuli angama-40 ,singenelwa ngamanqaku alishumi.
”Ndicinga ukuba bafanelwe kumdlalo owandulela owamagqibela kankqoyi, eli qela likhulile, likhulile kwaye liphuhlile – sibonise umgangatho ngebhola,” utshilo uBarker.
IStellenbosch sele inayo iCarling Black Label Cup kule sizini kwaye ijonge ukuphinda kabini, ngelixa isukela indawo yesibini kwiDStv Premiership kusasele imidlalo esibhozo.
UBarker wongeze ngelithi ukudlala kwabo neSuperSport asoze kulibaleke.
”Ngokucacileyo siqale kakuhle kakhulu, ukusuka kwinqaku lesithathu besinolawulo kumdlalo. Xa ndijonga umdlalo ofana nalo, sibethe iqela elikumgangatho ophezulu njenge SuperSport ujonge abadlali abanabo, bazele ngumgangatho. Sitsale umdlalo omhle, safumana amanqaku amane kwaye asizange singenelwe linqaku,’ wongeze watsho uBarker.
U-Anicet Oura, uDevin Titus, u-Andre de Jong kunye no-Iqraam Rayners bonke befumana amanqaku ukuze bavuthele iSuperSport, uBarker uthe lo ngowona mdlalo ubalaseleyo ngexesha lakhe kweli qela.
”Ndicinga njalo, ngokomgangatho esiwubonisileyo kwimizuzu engama-90, ndicinga ukuba namhlanje sidlale ngokupheleleyo,” uvale ngelo.
