Women's Football Super League

IBanyana ijonge ukubuyisa izitya kumdlalo we-Olympics Qualifiers

By Lukanyo Tshitshi

Umqeqeshi weBanyana Banyana uDesiree Ellis kunye nabadlali bakhe bajonge ukubuyisa izitya bajike izinto xa bedlala neNigeria kumlenze wesibini weCAF Women Olympic Qualifiers ngoLwesibini eLoftus Versfeld Stadium.

IBanyana yamkwelwe ngamagqiyazana eSuper Falcons ngoLwesihlanu kwiveki ephilileyo eMashood Abiola Stadium nalapho baye bohlulwa 1-0 emva kokuba umdlali odlala phambili weNigeria uRasheedat Ajibade ekore ipenalthi kwisiqingatha sokuqala.

Kumdlalo obutshisa ngakumbi kwisiqingatha sesibini, amagqiyazane ka-Ellis agadle ngazo zonke kodwa abuya nembande yesikhova.

U-Ellis ethetha ngokumele bakulungise kumdlalo olandelayo uthe, “Kuyo kufuneka sijonge kwimifanekiso ukuze sibone ukuba singazilungisa njani izinto,

“Kufuneka sifake amanqaku kodwa kufuneka siqaphele ukuba singavuli ngasemva kwaye siqinisekise ukuba sifaka amanqaku kuqala ukuze umdlalo ubuyele kwinqanaba elilinganayo emva koko sizame ukuwulawula,” utshilo uEllis.

Lempumelelo yeSuper Falcons ibanike ithemba kunye nokuzithemba nanjengoko nabo bejonge ukuzibekela indawo kwiParis 2024 Women Olympics eFrance.

Indlela ngoku isingise eLoftus Versfeld Stadium apho abadlali ba-Ellis bazabe bejonge ukujika izinto besenzisa inzuzo yokudlala ekhaya.

Lo mdlalo ubonwa njengowona mdlalo uzakubanzima.

U-Amanda Dlamini, owayesakuba nguKapteni weBanyana ukholelwa ukuba awuzuba lula umdlalo kodwa ingasethubeni lokuwuphumela ukuba basebenzisa inzuzo yokudlala ekhaya.

“Kodwa ndicinga ukuba nokudlalela ekhaya kunganceda iBanyana. Nangona ndicinga ukuba umqeqeshi unokufuna ukwenza iinguqu kwiqela eladlala umlenze wokuqala,”wongeze watsho uDlamini.

Iqela eliphumeleleyo kulomdla ndizakujoyina intshatsheli zendebe yehlabathi iSpain, iBrazil neJapan kuGroup C.