DStv PremiershipEzintshaUncategorized

USeptember uyazidla ngabadlali bakhe emva kokubetha iChiefs eMonti

Umqeqeshi weChippa United, uThabo September, ubothulel’ umnqwazi abadlali bakhe emva kokuba bephumelele bebetha iKaizer Chiefs ngo 2-0 kumdlalo weDStv Premiership obudlalelwa eBuffalo City Stadium eMonti izolo.

Emva kokubetha iCape Town Spurs esezantsi ngamanqaku afanayo ekuqaleni kweveki, iChillie Boys iphinde yabetha Amakhosi.

Amagowuli afakwe nguBienvenu Eva Nga noSinoxolo Kwayiba abe ngumahluko kulo mdlalo. USeptemba uthi basebenze nzima kwiingqondo zabadlali.

“Ewe, ngokuqinisekileyo ekungeneni kwethu, sithe ukuba sibetha amaqela aphezulu soyiswe ngamaqela asezantsi, siziqenqela ilitye elinembovane. Sinabadlali abadlala kwiqela lesizwe uStanley [Nwabali], ngoko abanakukhetha imidlalo okanye ingqondo ifanele ukuba ilungile kwaye oko kube kuhle xa singena siye sasebenza kwingqondo kwaye abadlali baphendule kakuhle kakhulu,” utshilo uSeptember.

Kwimidlalo emithathu yokugqibela yeligi ekhaya, iChippa United isebenzise ukudlala ekhaya ngokuyimpumelelo bafake amagowuli asixhenxe kwaye abangenelwa manqaku kuyo yonke loo midlalo.

USeptember uthi kubalulekile ukuba baqhubeke nalo msebenzi ubalaseleyo phambi kwabalandeli babo basekhaya.

“Ibingumdlalo omhle weqela lonke ndicinga ukuba, ekhaya sifake amanqaku asibhozo kwimidlalo emine. Ndonwabile kwaye ndiyazingca ngabadlali kunye nento abanayo,” utshilo uSeptember.

“Ndonwabe kakhulu xa sifaka amagowuli, ndicinga ukuba ekhaya sifake amagowuli asibhozo kwimidlalo emine kwaye ndicinga ukunganganelwa manqaku kwimidlalo emithathu sangenelwa linqaku elinye qha yinto esizingca ngayo. kwaye sifuna ukuyigcina injalo ngasekupheleni kwesizini.”

Ababukeli abangaphaya kwamawaka alishumi elinesithandathu (16 000) baye ebaleni nokuba bekunetha ukuyobukela umdlalo webhola eyonwabisayo.