
ISundowns ingene kumaqela amane okugqibela kwiChampions League kodwa ishiye iYanga intywizisa ngeVAR
IMamelodi Sundowns ibethe iYoung Africans ngo 3 -2 kukhatywa iipenalthi ukuze idlulele kumdlalo owandulela owamagqibela kankqoyi weCAF Champions League.
Umdlalo uphele ungenamanqaku phakathi kwezi ngxilimbela zase-Afrika kwiveki enye lonto itsho ukuba lamaqela azokwehlukaniswa ziipenalthi.
Ukapteni weBafana Bafana uRonwen Williams uphinde waba ligorha, njengoko ebambe iipenalthi ezimbini ukuze akhusele iqela likaRulani Mokwena lidlulele kumaqela amane okugqibela.
Njengokuba umdlalo uphele ngo 0-0 kumlenze wokuqala eDar es Salaam bekukho umoya wochulumanco wokwenene ngaphakathi eLoftus ebizele ngabalandeli beSundowns.
Kodwa iYanga iphinde yabonakalisa ubuchule bokukhusela obubonakale kumdlalo wokuqala, ebambe iqela lasekhaya kumathuba ambalwa acacileyo.
UThembinkosi Lorch ufumene ithuba lokuqala kwisiqingatha sokuqala kodwa yabanjwa nguDjigui Diarra.
Umdlalo uqhubule lingekho elifuna ukugoba uphondo kodwa kube leli qela laseTanzania eliphantse lakhokela xa iinzame zikaStephane Aziz Ki efaka ibhola epalini embethe wamgqiba uWiliams kodwa ezo nzama zakhatywa yiVAR nethe ibhola ayingenanga yonke emgceni.
Iinguqu ezimbalwa zenziwe emva kokuba uClement Mzizi engena endaweni kaKennedy Musonda kunye noThapelo Maseko endaweni kaThemba Zwane – efaka isantya somlilo kuyo yomibini le migxunyelo kwimizuzu engamashumi amabini yokugqibela.
Bebenomnye umzamo osondeleleneyo owakhatywayo emva nje kwekaMzizi oye waya banzi.
UNeo Maema uye waphuma kanye xa umdlalo ubusiya kwixesha lomdlalo, kwaye emva kokuba uLucas Ribeiro ekhabe kade ngobuchule kodwaa ugeje ibhola umdlalo waphela ngo 0-0 kwafuneka ukuba kukhatywe iipenalthi ukuze kufunywane ophumelelayo.
UWilliams ubambe ezimbini kwiipenalthi kwezintathu zokuqala, kwaye ngelixa iinzame zikaGaston Sirino ziphandzile, iYanga iphoswe lithuba lokubuyela emdlalweni, lonto yaqinisekisa ukuba iSundowns ingena kumjikelo olandelayo kwiChampions League.
