
UJohnson uqinisekisile ukuba nangona abadlali bakhe bengonwabanga basamxhasa
By Lukanyo Tshitshi
Umqeqeshi oyintloko wethutyana weqela le-Kaizer Chiefs, uCavin Johnson, ukholelwa ukuba iqela lakhe lisaqhubeleka ukumxhasa njengomqeqeshi nangona bengonwabanga yindlela abadlala ngayo neziphumo ababuya nazo.
Ethetha kwinkomfa yonondaba emva kokwehlulwa 1 – 0 kumdlalo ebebewudlalela ekhaya neStellebosch ngoLwesibini ngorhatya, lo ka-Johnson uvakalise ukuba abadlali bakhe kunye naye baseyimbumba kwaye abakalilahli ithemba ngakuye.
“Ngamaxesha onke, ndiyakholelwa ukuba abadlali basekunye nam, sisekunye kwaye abakalilahli ithemba, ndingakuxelela ngokuthe ngqo ukuba mna neqela sisekunye,” utshilo uJohnson.
UJohnson akakhanga afihle makhuba kulinywa xa bekuthethwa ngesimo senkampu seliqela. Uvakalise ukuba abadlali abonwabanga kwaye unobangela woko yindlela abadlala ngayo.
“Ndicinga ukuba abadlali abaxolanga kwiziqu zabo ngoku ngenxa yendlela abadlale ngayo, yinkampu engonwabanga ke le ndithetha ngayo,
“Abafuni kuphulukana nalo nto yenza kubenzima kakhulu, kuba xa uphulukene, uphelelwa ngamandla kwaye kufuneka siqinisekise ukuba siyababuyisela apho bebekuyo phambi komdlalo weStellenbosch,” utshilo loka-Johnson ethatha nonondaba.
UJohnson nowafika kweliqela kunyaka ophelileyo njengentloko yeziko lophuhliso lolutsha ( Head of the Youth Development Academy) wathatha intambo zokuqeqesha eliqela kuMolefi Ntseki emveni nje kwenyanga echongwe njengontloko ye-Akhademi kweliqela.
Ukusekela ngoko iqela le Kaizer Chiefs lidlale imidlalo eyi-13 laphumelela emihlanu lahlulwa kweimine zeladlala ntanganye kwemine. Kwitafile yeDstv Premiership lihleli kwindawo yesixhenxe namanqaku angamashumi amathathu.
Eli qela laseSoweto lizabe lijonge ukubuyisa isithunzi salo xa lidlala neChippa United ezabe nayo isilwelwa ukugqokelela amanqaku ukuze ikhuseleke ekusikweni lizembe ekupheleni kwesizini.
