
IStellenbosch isondele kancinci kwiSundowns eqhubeke nokongeza amanqaku
UDevin Titus ufake igowuli ekuphela kwalo mdlalo ngelixa iStellenbosch FC ibetha iKaizer Chiefs ngo 1-0 kumdlalo weDStv Premiership obuseFNB Stadium eRhawutini ngoLwesibini ebusuku.
Igowuli likaTitus, lingene ngaphambi kokuphela kwesinqingatha sokuqala lithumele iqela leCape Winelands kwindawo yesibini kwiligi, kwaye likwindawo entle yokubanga indawo yokugqibela yokuhlungela iCAF Champions League.
Kumdlalo apho abafana bakaSteve Barker bebehleli ngasemva, bakwazile ukuqubisana nesithonga esibenze baphuma eFNB Stadium benawo omathathu amanqaku.
Kushiyeke imizuzwana ngaphambi kokuba kuphele isiqingatha sokuqala, uTitus ugxuphulele phantsi ekhangela ibhola esuka kuDeano van Rooyen ebetha uBruce Bvuma ezipalini zeChiefs.
ELoftus Versfeld, iinkokeli zeligi eziqhwesileyo kunye neentshatsheli ezilawulayo, iMamelodi Sundowns, ibidinga inqaku eliphumeleleyo kumdlalo wabo neRichards Bay.
Umdlalo ubujonge ukuya ngasekupheleni xa uJunior Mendieta ebetha umdlali welizwe lase-Uganda uSalim Magoola ukuze abe onke amanqaku amathathu.
Ngenxa yoku, iSundowns iqhube phambili ngamanqaku alishumi elinanye. Kwaye ngemidlalo emibini esandleni, abafana bakaRulani Mokwena bakwindlela yokuphumelela intshinga yesixhenxe kulandelelana.
EPeter Mokaba Stadium ePolokwane, iSekhukhune United kunye neCape Town City zabelana ngamanqaku kumdlalo obambene ngo 2-2, emdlalweni ekunokuthiwa ubungowona unika umdla ngobu busuku.
ISekhukhune kaLehlohonolo ibejonge impumelelo yesithandathu ngokulandelelana, kodwa baphikwa liqela lesixeko saseKapa ebesidlala kakuhle kwezi veki zidlulileyo.
U-Ahshene Jody Lee uvulele iCitizens ngomzuzu wamashumi amabini anesithathu, kodwa ibhola ebelifakwe nguLinda Mntambo labangela ukuba iBabina Noko igqibe isiqingatha sokuqala ngaphambili.
U-Heaven Sereetsi ufumene inqaku emva nje kweyure ukwenza umdlalo 2-2, kwaye umdlalo ubuya kuphela.
EMoses Mabhida Stadium, eThekwini, AmaZulu nePolokwane City kuye kwanyanzeleka ukuba zihlale zibambene ngamanqaku emva kokudlala ntanganye 0-0.
Iziphumo
Kaizer Chiefs 0-1 Stellenbosch FC 1
Sekhukhune United 2-2 Cape Town City
Mamelodi Sundowns 1-0 Richards Bay
AmaZulu 0-0 Polokwane City
