
UVilakazi uthi bajonge ukugaya iziphumo xa bedlala neSundowns
Umqeqeshi oyintloko weRichards Bay FC, uVusumuzi Vilakazi, uveze umbono wakhe kumdlalo abazakuwudlala neMamelodi Sundowns.
INatal Rich Boyz iphakathi kwamaqela eDStv Premiership alwela amanqaku ukunqanda ukuthotshelwa ngezantsi kwiMotsepe Foundation Championship.
Eli qela laseKZN liphumelele imidlalo emithathu kuphela kwimidlalo engamashumi amabini ananye yeligi kule sizini. Bakwindawo yeshumi elinesihlanu ngamanqaku amabini entla kancincin kweCape Town Spurs ehleli emsileni.
IBay iqokelele amanqaku ali-14 kuphela kwangama-63 anokubakho.
Baphulukene nomdlalo wabo odlulileyo kwidabi laseKZN bedlala neGolden Arrows ngoMgqibelo.
Kungoku balindwe ngumsebenzi onzima okudlala neentshatsheli zeligi, iSundowns, engekaphulukani nomdlalo weligi kule sizini.
UVilakazi uthi bayaqonda ukuba izakuba “nzima” kwiiBrazilians. Nangona kunjalo, uthe bazakuzama ukuqubisana neliqela lasekhaya.
“Abadlali kufuneka bathathe uxanduva lokuqinisekisa ukuba bayayigcina imisebenzi yabo,” utshilo uVilakazi emva komdlalo neGolden Arrows.
“Kubaluleke kakhulu kuthi kwaye ngumdlalo onzima esiya kuwo kumdlalo olandelayo neSundowns.
“Kodwa ngenxa yokuba sizakube sidlala nabantu, kufuneka siye phaya siye kukhuphisana sibone ukuba singenza ntoni na. Imeko yethu ayifani; bangaphezulu. Kufuneka sibonise ebaleni lokudlala.
“Ke ngoko, asinakujonga phantsi ngoku, kufuneka siphakamise izandla kwaye sizame ukuqinisekisa ukuba siyasebenza kwaye sizame ukugaya iziphumo.”
Umdlalo uza kuba ngoLwesibini umhla eLoftus Versfeld Stadium ngo-7:30 ebusuku.
