Ezintsha

UMokwena uthi kumjikelo olandelayo weChampions League kulapho eya khona

Emva kokudla ntanganye  neYanga SC yaseTanzania kumdlalo weCAF Champions League kumlenze wokuqala wamaqela asibhozo, umqeqeshi weMamelodi Sundowns uRulani Mokwena uthe uyaya kumjikelo olandelayo.

IiBrazilians kunye neYanga zibambene ngo 0-0 eBenjamin Mkapa Stadium ngorhatya lwangoMgqibelo.

Nangona bedlale kakuhle nje abafana bakaMokwena abakwazanga ukufumana amanqaku ekuhambeni.

Esi sibini siza kuqubisana kwakhona kumlenze wesibini, ngoLwesihlanu, umhla we-5 kuTshazimpuzi, eLoftus Versfeld Stadium ePitoli.

Xa ebuzwa ukuba iSundowns ingaphumelela kusini na ukuya kwinqanaba elilandelayo, uMokwena ukhawuleze wayichaza into yokuba “ucinga” ukuba iqela lakhe liyaya kumaqela amane wokugqibela.

“Ewe kunjalo ndicinga ukuba siza kuyibona iSundowns kumjikelo olandelayo,” utshilo uMokwena kwinkomfa noonondaba emva komdlalo.

“Ndiqinisekile ngaloo nto, enyaniswenim. Icebo kukugoduka ngokukhuselekileyo, sizakuphumla, sisele amanzi, silale sihlalutye umdlalo kwaye silungiselele iRichards Bay.

“Sinomdlalo weligi obaluleke kakhulu ngoLwesibini. Silungiselela lonto okwangoku. ”

Abafana Ba Style badlale umlenze wokuqala ngaphandle kukaKapteni weqela uThemba Zwane ngenxa yokunqunyanyiswa.Oku kwakusemva kokuba eqokelele amakhadi atyheli.

UMokwena uvumile ukuba bayamkhumbula umdlali weBafana Bafana. Uyavuya uMshinshi oneminyaka engama-34 ubudala uza kufumaneka kwiveki ezayo.

“Ungukapteni weqela kwaye uyinxalenye ebalulekileyo yeqela,” wongeze watsho.

“Ewe, simkhumbule kancinci namhlanje kodwa wonke umntu uzamile. Ndonwabile ngokuzinikezela kunye nomzamo weqela, ngakumbi kwisiqingatha sesibini.

“Kulungile, masakhe phezu koko. Akusoloko kulula ukudlala emva kwekhefu leFIFA.