DStv PremiershipEzintsha

UMlambo uveze isizathu esidale ukuba agxothwe kwiGalaxy

UXola Mlambo owayesakuba ngumdlali wasesuswini kwiqela iTS Galaxy ukholelwa ukuba isivumelwano sakhe seminyaka emibini neliqela saqhaluwa kukuba engavisisananga nomqeqeshi uSead Ramovic xa babedla imidlalo yokuzonwabisa beliqela.

Ethetha kwinkqubo yezidlalo kanomathololo weSABC iMetro FM no Andile Ncube ngoLwesine, uMlambo uthe wafumana umnxeba osuka kumphathi weqela, uNjabulo Sukazi emxelela ukuba akasayongxalenye yezingcwanciso zika – kamqeqeshi.

“Lathi lakuphela ixesha lonyaka, bandifowunela bathi ‘awuseyonxalenye yesicwangciso’

“Iseshoni yokugqibela yoqeqesho ebendinayo neGalaxy ibilusuku lolonwabo lwentenetya ekhatywayo, besidlala intenetya yebhola ekhatywayo kwaye umqeqeshi ebesiqhatha.

“Emva koqeqesho sathandaza, uTim Sukazi ebekhona ngolo suku. Akuzange kuthethwe nto, okanye kubizwe ukuba kuchotshelwe iindlebe ukuba mhlawumbi andizange ndithobele umqeqeshi ngokusiqhatha ngethuba sidlala intenetya,’’ utshilo uMlambo.

UMlambo utyatyadule wathi lokaRamovic ebemchuphile kwaye emfuna emkile kwiqela leTS Galaxy.

“Eyona nto yandifumanayo, ziintetha zeqela zomqeqeshi ngoku sasidlala, wayenokuthi ndiyakugxotha kunye nayo yonke loo nto. Ndikhe ndayibona isenzeka xa umntu engavani nomqeqeshi azibone engaphangeli,’’ wongezile lo kaMlambo

Kuko konke oku lo kaMlambo uthi sele ekubeke emveni kwakhe nangona imeko beyinzima.

“ Yayingumbandela onzima kakhulu ukuqalisa kwayo, kodwa ndixolile ngale nto yenzekileyo,” utshilo uMlambo.

Emveni kwenyanga ezingaphezulu kwezilithoba uMlambo wohlukana neGalaxy kwaye kuzotho ga ngoku akakafumani qela litsha.