
UBroos uthi akhobunyani eyokuba uzakushiya kwiBafana
Umqeqeshi weBafana Bafana, u-Hugo Broos, ukhanyele ukuba uzakuyishiya kwiBafana ukuze ayoqeqesha iqela lesizwe laseTunisia.
U-Broos, oneminyaka engama-71 ubudala, uditywaniswa kakhulu neliqela ukususela ekubeni iBafana yabakhiqa kwi-Africa Cup of Nations ngoJanuwari.
I-Algeria, ethe yaqesha uVladmir Petkovic, bekunamarhe okuba unomdla kwiinkonzo zikaBroos.
Kwaye ngaphambi kokujongana neLes Verts ngoLwesibini, iingxelo zaphuma kumajelo eendaba zaseTunisia ezithi uBroos uvumile uzakuthatha indawo kaJalal El Kadri ngaphambi kwemidlalo yohlungela kiNdebe yeHlabathi yeFIFA ka-2026 ngoJuni.
Nangona kunjalo kuninzi okuqwaselweyo njengoko iTunisia ikufuphi nekhaya lakhe. Kodwa iingxelo zithe kuzafuneka arhoxe njengomqeqeshi kwiSouth African Football Association (SAFA) kodwa uye wazikhwebula kwezongxoxo.
“Akukho nxibelelwano phakathi kwam nombutho waseTunisia. Ukuba ndiyakholelwa koonondB baseTunisia, ndingumgqatswa. Ukuba ndiyawushiya uMzantsi Afrika, umanyano luya kuthatha isigqibo, kum ngamarhe nje,” utshilo uBroos.
“Akukho nxibelelwano okanye ngxoxo phakathi kwam neTunisia. Ngamarhe nje. Ndingomnye womgqatswa ngokweendaba zaseTunisia, kodwa akukho semthethweni.
“Ndikunye naBafana Bafana kuze kufike uJuni. Ndixhomekeke kumbutho [SAFA].”
Emva kokudlala ntanganye ngo 3-3 ne-Algeria, uBroos ngoku uza kulungiselela imidlalo ezayo yokuhluzela iNdebe yeHlabathi yeFIFA ka-2026 neNigeria neZimbabwe ngoJuni.
