
Imvula yamanqaku iBafana idlala ntanganye ne-Algeria
IBafana Bafana idlale ntanganye ne-Algeria kumdlalo okhuphe imvula yamanqaku njengoko uThemba Zwane efake amanqaku amabini ukuze lamaqela abambane ngo 3-3 eNelson Mandela Stadium e-Algeria.
Bafana iqale ngokuqaqamba kakhulu kwaye ibenethuba lokukhokhela kwibala ebelizele ngabantu ngethuba u-Oswin Appollis edubula engaphakathi kwebhokisi wabetha ipali kwisithuba semizuzu elishumi.
Nangona kunjalo, amadoda kaHugo Broos agileke kwikhawuntara ngomzuzu we-19 xa uNyiko Mobbie engayiqondi kakuhle ibhola kwaye i-Algeria ayizange iyenze impazamo, uYassine Benzia ebeka ibhola emva kwaRonwen Williams.
Kodwa iBafana, ibuye njengezulu laseMthatha UZwane efaka inqaku lokulinganisa emva kwemizuzu engamashumi amathathu anesine emva kokuncediswa nguMihlali Mayambela.
UZwane ubuyile ngaphambi kokuphela kwisiqingatha sokuqala ebeka uMzantsi Afrika phambili.
Kodwa i-Algeria ilinganisile kwimizuzu nje esibhozo kwisiqingatha sesibini emva kwempazamo eyenziwe nguWilliams nalapho uYacine Brahimi walivalela phakathi
IBafana ibephantsi koxinizelelo kwimizuzu elishumi elandelayo kodwa iBafana yasinda waza uBroos wafaka uGrant Margeman no-Elias Mokwana endaweni kaThabang Monare no-Appollis odlale umdlalo oncomekayo – kwaye loonguqu izale amaduna namathokazi njengoko uMokwane efake inqaku elibethe ku-Iqraam Rayners langena enethini.
Nangona kunjalo imibhiyozo yeBafana ikhawuleze yaphela njengoko uBenzia efake inqaku lesithathu le-Algeria kwimizuzu engama-70.
I-Algeria ifumene ithuba lokuphumelela umdlalo kodwa uWilliams uthe hayi kuye njengoko ebambe ibhola ngomzuzu wamashumi asibhozo ananye
Kwelinye icala uTeboho Mokoena naye ifumane ithuba lokubeka phambili iBafana kodwa uMoustapha Zeghba uye wabamba ibhola enzima kakhulu.Â
