
Abanye abadlali ngahle babuye ngoJuni-Broos
Umqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos uthe tsuphe ukuba abanye abadlali abatsha uzakubabiza xa iBafana idlala kumdlalo wokuhlungela iNdebe yeHlabathi yeFIFA ngoJune.
UBroos uquke abadlali abatsha abalishumi kwiqela lakhe labadlali abangama-23 kumdlalo osandula ukuqukunjelwa weFIFA Series ababengekho kwi-2023 AFCON ekuqaleni kwalo nyaka.
Kumdlalo wokuqala kwiveki ephelileyo, iqela lesibini leBafana, elinabadlali abasixhenxe, lidlale ntanganye ngo 1-1 ne-Andorra phambi kokuba ligqibezele umdlalo weFIFA Series ngo 3-3 ne-Algeria.
UBroos akafunanga kuxela gama lamntu kodwa uvumile ukuba abanye abadlali bamnike umdla.
“Ngaphandle kokubiza amagama abantu, ndicinga ukuba abanye abadlali bandinikise umdla. Ndicinga ukuba bazakuba khona ngoJuni,” utshilo uBroos kumajelo eendaba eSafa.
“Siza kubona ngoJuni; andiboni ukuba ngoku lixesha lokuba ndithi umdlali othile undanelisile.
“Siza kuyibona ngoJuni, kwaye yeyona nto ibalulekileyo. Abo badlali bebekunye nathi, bakhona abadlali esinokubasebenzisa ngoJuni.”
