EzintshaWomen's Football Super League

USphumelele Shamase naye usendleleni ebheke eLithuania

USphumelele Shamase usendleleni elandele iwele lakhe uThubelihle osandula kufudukela kwiqela elitsha eLithuania,iFC Gintra.

USphumelele, obengoyena mdlali uphambili kwisizini edlulileyo kwiHollywoodbets Super League enamanqaku angama-22 kwimidlalo engama-25, ulibazisekile yi-visa yakhe, eyacelwa kamva ngenxa yokubizwa kwakhe kweqela lesizwe lokugqibela.

Oyingummeli wabo uChris Atkins uxelele ijelo leendaba iSABC ukuba balindele izigaba sokugqibela.

“Icebo kukuba USphumelele ajoyine udade wabo kungekudala,silindele ukufumana ivisa yakhe,yalibaziseka njengoko ebekwinkampu yamazwe ngamazwe ixesha elide. Kwiveki ezayo okanye kwiintsuku ezilishumi naye uzakuba sendleleni,” utshilo u-Atkins.

Bobabini abadlali batyikitye iikhontrakthi yonyaka omnye kunye neendlela zokwandisa, kodwa injongo yeyokuba baqhelane nobomi njengabadlali bexesha elizeleyo ngaphandle kwelizwe ngaphambili, ngethemba, lokufumana amaqela amakhulu eYurophu okanye kwenye indawo.

“Ngoko ke, ngunyaka omnye onenketho yokwandisa isenokuphela ixesha elide. Baye bahamba ekupheleni kobhaliso e-UJ. Ngoko ke, kuza kufuneka sibone ukuba lo nyaka uhamba njani ngokwemigaqo yesicwangciso esiya phambili,” wongeze watsho.

“Ndicinga ukuba neGintra ingavumelana nam xandisithi linyathelo elicacileyo kuphuhliso lwabo, ayisosiphelo sokudlala eLithuania kodwa yindlela eya apho bafuna ukuya khona. Bazakuqhubeka baye phambili, bafunde ngobomi njengabadlali bengaphandle koMzantsi Afrika kwaye ke sinokuhlalutya ukhetho lwabo kunyaka ukusuka ngoku. “

U-Atkins uqinisekisile ukuba babengajonganga  eLithuania kuphela, kodwa izinto ezininzi ezathathelwa ingqalelo xa kwagqitywa ukuba i-Gintra iya kuba yinto efanelekileyo kumawele.

” Akhona amanye amaqela kodwa iGintra ihambe phambili kwaye liqela elinomqeqeshi onembali entle yokuphuhlisa abadlali abaphuma e-Afrika kubandakanya uRachel Kundananji osandula ukophula irekhodi lehlabathi,uchithe iminyaka emithathu phansi komqeqeshi eKazakhstan ngelo xesha. Ngoko ke unerekhodi elihle kwintlonipho kwaye kubonakale njengendawo entle abaangaqala kuyo ukuze bakhulu.”