
ISafa iyazikhanyela iingxelo zokuba uHugo Broos uzakulahla iBafana
Umbutho webhola ekhatywayo woMzantsi Afrika (Safa) umile kwelokuba umqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos akayi ndawo nangona ingxelo yamajelo eendaba yaseTunisia ngoMvulo isithi lenzalelwane yaseBelgian iza kuwulahla uMzantsi Afrika ize izibandakanye neqela lesizwe eTunisia.
Ngokwengxeelo zeMosaïque FM yaseTunisia, uBroos uhlola indlela yokuphuma kwisivumelwano sakhe neSafa kwaye ajoyine iTunisia “ngqo”.
Umqeqeshi, okhokele iBafana kowona ubalaseleyo kwi-Africa Cup of Nations (Afcon) kwiminyaka engamashumi amabini anesine enembasa yobhedu kwinyanga ephelileyo, use-Algiers apho uMzantsi Afrika udibana ne-Algeria kumdlalo wobuhlobo weFifa Series eStade Nelson Mandela ngoLwesibini ebusuku ( 11pm).
UBroos ubuzwe kwinkomfa noonondaba kunye neentatheli zaseMzantsi Afrika ngoLwesibini – phambi komdlalo wokuqala weBafana e-Algeria, ngoLwesine ibambene ngo-1-1 ne-Andorra e-Annaba – malunga nokunxibelelana rhoqo kwimisebenzi namanye amaqela, ngakumbi indima yomlawuli wobugcisa kwiClub Brugge.
“Akukho nto,” utshilo umqeqeshi ngelo xesha. “Benditshilo kakade emva kwe-Afcon ukuba xa uqhuba kakuhle neqela maninzi amaqela azakubonisa umdla.
“Ndive amarhe okuba i-Algeria inomdla, iTunisia inomdla kunye namanye amaqela, kunye neBrugge. Kodwa kwakhona akukho ngxoxo. ”
Oyintloko yezonxibelelwano kwiSafa uMninawa Ntloko, okwase-Algeria neBafana, uthe ngoMvulo akhonto intshintshileyo.
“Akukho nto itshintshileyo kule nto ibithethwa ngumqeqeshi kwiintatheli kwinkomfa yeZoom noonondaba kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo,” utshilo uNtloko.
