Bafana BafanaEzintsha

UBroos uthi wanelisekile ngabadlali bakhe

Umqeqeshi weBafana Bafana, u-Hugo Broos, uthi wanelisekile yindlela abadlale ngayo xa bedlala ne-Andorra, kodwa ukufumana ubunzima neqela elibekwe kwindawo 164 kwihlabathi ibonise ukuba uMzantsi Afrika unengxaki yokugqibezela.

IBafana iqubisene nabadlali beqela lase-Europe kumdlalo weFIFA Series e-Algeria kwaye idlale ntanganye neli qela. U-Elias Mokwana ufake inqaku lakhe lokuqala kwiBafana kumdlalo wakhe wokuqala emva kokuba uRicardo Goss enze impazamo evumele i-Andorra ukuba ikhokele kwangoko.

Emva komdlalo uBroos uthe ubancomile abadalali nangona bedlale ngokulingana.

“Nokuba sibaphe isipho namhlanje besingawuphumulela umdlalo,” uxelele iSAFA

“Ndanelisekile, hayi ngesiphumo, ndizamile ukuphumelela namhlanje, kodwa ndonelisekile ngumdlalo weli qela – iqela elitsha ngokupheleleyo kwaye ndonelisekile ngabanye abadlali.

“Bandenzele ulwaneliseko olukhulu kwaye ndicinga ukuba bangabafana esinokuthembela kubo kwimidlalo elandelayo ngoJuni nasekupheleni konyaka.”

UBroos ukwagxininise ngelithi umdlalo abawudlala ne-Andorra ubonisile ukuba iBafana idinga ifolosi enofaka lula amathuba.

“Ikwayinjongo yethu ukunika abadlali amathuba okuba babe namava, okokuqala kwaye kwakhona ndonelisekile, ndaneliseke ngokwenene,” wongeze watsho.

“Ndicinga ukuba siphinde sabonisa, ndingatsho ukuba ingxaki yebhola yaseMzantsi Afrika, asinaye loo mdlali aongafumana ithuba elinye alisebenzise.

“Ukuba ubona amathuba amathandathu okanye asixhenxe esiwafumeneyo namhlanje kwaye sikora kanye kuphela. Lo mdlalo usoloko [kufuneka] uphumelele ukuba unomgangatho ongaphezulu phambi kwepali kunokuba uphumelele lo mdlalo.

“Le yinto encinci endingonelisekanga ngayo, kukho abafana abambalwa abandonelisile.”

Kumdlalo olandelayo Bafana iza kuqubisana ne-Algeria ngoMvulo.