Bafana BafanaEzintsha

IBafana yehlulekile ukubetha i-Andorra  kumdlalo wobuhlobo

IBafana Bafana igqwithise yadlala ntanganye idlala ne-Andorra kumdlalo wobuhlobo oluchungechunge lweFIFA obuse-Algiers ngokuhlwa ngoLwesine.

Lo ibingumdlalo wokuqala weBafana emva kokuphuma kwindawo yesithathu kwi-Africa of Cup of Nations, idlale ntangange 1 – 1 ne-Andorra ebekwa kwindawo ye-164 kwihlabathi.

Iqela laseYurophu libe lelokuqala ukubhalisa inqaku ebhodin emva kokuba uRicardo Fernandez ebeke ibhola emva komnatha, ebetha unozinti uRicardo Goss emva kokuphuthaphutha ibhola kwibhokisi ngomzuzu wesithandathu.

Abadlali boMzantsi Afrika balwele ukubuyela emva kwaye balinganisa ngo-Elias Mokwana ngomzuzu wamashumi amabini anesihlanu.

IBafana idale amathuba amaninzi emva koko, kodwa ayizange iphinde idlule kunozinti we-Andorra, u-Antoni Gomes.

Umqeqeshi weBafana, u-Hugo Broos, ubambelele kwilizwi lakhe kwaye wenze iinguqu ezininzi kwiqela ebelithweswe uxanduva kwi-Afcon ekuqaleni kwalo nyaka.

NgokweFifa, olu chungechunge lolingo luza kuvumela amazwe ukuba adlale namaqela angaqhelanga kudlala, kwaye anike ithuba amazwe amancinci ukuba axube namaqela amakhulu.

I-Andorra ibekwe kwindawo ye-164 kwihlabathi, ikwindawo ezili-106 ngaphantsi kweBafana, ethe yafumana indawo ephezulu kwisithuba seminyaka elishumi ngenxa yokusebenza kakuhle kwayo kwi-Afcon esanda kugqitywa.

IBafana Bafana ibuyele kuluhlu lwabalishumi abaphambili kwi-Afcon kwilizwekazi le-Afrika.

Nangona umsantsa ubanzi phakathi kwamaqela amabini, u-Broos wayefuna ukusebenza kobuchwephesha kwicala lakhe njengoko bejonge ukunyuka ngakumbi kuluhlu lwamaqela.

“Kubalulekile ukuba siqhubele phambili noko sikufumeneyo kwi-Afcon, akwanelanga ukuba kwindawo yesithathu sibe kwindawo yeshumi kuluhlu lweCaf iinyanga ezimbini ukuya kwezintathu kuphela emva koko sibuyele kwindawo ye-13,” utshilo uBroos. inkomfa noonondaba ekuqaleni kwale veki.