EzintshaWomen's Football Super League

I-UWC ibhiyozele amalungelo oluntu ngomanqaku amathathu ibetha iSundowns

I-University of the Western Cape (UWC) ibethe iMamelodi Sundowns ngenqaku elinye eqandeni 1-0 kwidabi lompondo zihlanjiwe kumdlalo weHollywoodbets Super League  ngoLwesini emva kwemini.

URonnel Donnely oqale esituleni wangena njengelalela yaye edlala umdlalo wakhe wokuqala kwi-UWC ufaka elona nqaku libalulekileyo, njengoko i-UWC inyukele kwindawo yesihlanu kwilog ngamanqaku asixhenxe. Iintshatsheli ezikhuselayo, nangona zibethiwe ,zihleli phezulu kwetafile ngamanqaku alithoba.

Umdlali weBanyana Banyana uBongeka Gamede udlale ngolubalaseleyo evala abahlohli manqaku beSundowns uBoitumelo Rabale noNthabiseng Majiya abayingozi yaye uphumelele iwonga lokuba ngumdlalo obalaseleyo kuwo lo mdlalo.

I-TS Galaxy Queens kunye ne-University of Pretoria zikwindawo yesibini neyesithathu, ngokulandelelana, zilingana ngamanqaku alithoba neSundowns emva kokuphumelela kwiCity Lads neRichmond United.

UPhindile Rakgalakane noBusisiwe Ndimeni ngabo abafake amanqaku  weRockets, njengoko bephumelele ngo 2-0 eGqeberha, logama uSbahle Ndlovu noSiyamthanda Qashani baqinisekise ukuba iTuks ifumene amanqaku aphelele bephumelela  ngo 2-1.

ILads yehlele kwindawo yeshumi elinanye kulog ngamanqaku amahlanu, ngelixa i-United nayo yehlele kwindawo yesithandathu ngamanqaku asixhenxe.

Okwangoku,yiCopperbelt Ladies kuphela engakabethwa emva kwemidlalo emine yaye idlale ntanganye neLindelani Ladies 1-1 lonto yenze behlela kwindawo yesine etafileni kwiSuper League.

Kweminye imidlalo iFirst Touch Academy ibhalise impumelelo yayo yokuqala kwisizini ka-2024, iphumelele ngo 1-0  kwi-University of Fort Hare yaze yasuka ezantsi okokuqala yaya kwindawo yeshumi elinesithathu 13 ngamanqaku amathathu.

Ezinye iziphumo:

IYunivesithi yaseRhawutini (UJ) 1-1 Royal AM

Durban Ladies 1-2 JVW

TUT Matsatsantsa Ladies 3-0 Thunderbirds Ladies