
UCijimpi unomnqweno wokubuyela kwimidlalo yeCAF
Umnqweno womqeqeshi waMaZulu uPablo Franco Martin kukubuyisela Usuthu kukhuphiswano lwamaqela eCAF kwaye ukholelwa ukuba ukuqhuba kakuhle kwiNedbank Cup kuyaluqinisekisa oko.
Ethetha neSABC Sport emva kokutsalwa neentshatsheli ezikhuselayo, i-Orlando Pirates kumdlalo wamaqela asibhozo okugqibela weKe Yona phezolo, uMartin uthi eli qela laseThekwini lifuna ukuqhubeka nokwakha igama lalo kwilizwekazi.
Kwisizini ka-2021/2022 phantsi komqeqeshi obefudula engumqeqeshi uBenni McCarthy, Usuthu lufikelele kumanqanaba eCaf Champions League.
Ngokuphumelela indebe yeNedbank kule sizini, baya kukwazi ukuya kwiCAF Confederation Cup kwisizini ezayo, inqanaba uParblo afuna ukubuyela kulo.
”Yenye yeenjongo zeqela elivela kuMnumzana Sandile Zungu. Sifuna ukumela uMzantsi Afrika kukhuphiswano lwehlabathi njengaMaZulu, yeyona nto inokwenzeka njengeqela.
”Imidlalo eloluhlobo zisenza ngcono njengeqela,” utshilo uMartin
Lamaqela oomabini agqibela ukudlala kumdlalo wendebe, iPirates yabetha AmaZulu ngo 1-0 kumdlalo wamagqibela kankqoyi weMTN8 kwisizini ephelileyo. Kodwa uMartin ozithembileyo uyawaxhasa amathuba eqela lakhe lokothusa iBucs edlala kakuhle kakhulu.
”Olu luhlobo lwemidlalo esithanda ukuyidlala, izakuba ngumdlalo onzima, kuba siyazi ukuba liqela elidlala kakuhle kakhulu,” wongeze watsho uMartin.
Kumjikelo wama-16 Usuthu lwabetha iSekhukhune United ngamanqaku amabini eqandeni.
Xa bedlala nePirates, bazakukonwabela ukukhululeka kokudlala phambi kwabadlali basekhaya, ngenkqubo exakekileyo kumjikelo wesibini, uMartin wamkela umtsalane wasekhaya oza kubasindisa ekuhambeni.
“Kuyinzuzo, ukungahambi ngeli xesha yi-advanteji ngenxa yemidlalo emininzi esiza kuyidlala kwiPSL,” uvale ngalo mazwi.
Lo mdlalo wamva nje uthetha ukuba AmaZulu azakuqubisana nePirates kabini kwinyanga ezayo, umdlalo weligi uza kube use-Orlando Stadium ngomhla wamashumi amabini.
Umdlalo wamaqela asibhozo okugqibela uza kudlalwa kwimpelaveki ephambi kwaloo nto, phakathi komhla we-12 nowe-14, uMartin uyazi ngokufanayo ukuba baza kudlala nePirates ekwifomu esele ifake amanqaku ali-15 kwimidlalo emihlanu kwaye ayibethwanga kuloo midlalo. Kodwa umqeqeshi oyinzalelwane yaseSpain uthi bazakuwenza umsebenzi.
