EzintshaNedbank Cup

UMokwena ufuna lukhulu kuLorch

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns uRulani Mokwena uthe akanolisekanga nguThembinkosi Lorch emva kokuba uLorch efake amanqaku amabini bephumelela bedlala neMaritzburg United kumdlalo weNedbank Cup ngeCawe.

Iqela likaMokwena lizibekele indawo kumaqela asibhozo okugqibela. ULorch udlale indima ebalulekile kulo mdlalo bephumelela ngo 2-0 eLoftus Versfeld Stadium.

Umdlalo uqale phantsi kakhulu kodwa, uLorch ubonakalise ubuchule bakhe bakudala efaka amanqaku ngomzuzu wama-74 nowama-95 xa edlala neTeam of Choice. Lonto imenze wafumana iwonga lokuba ngumdlali ogqwesileyo.

Nokuba uLorch ezibonakalisa kwiSundowns kodwa uMokwena akonelisekanga ngokupheleleyo yindlela uLorch adlale ngayo ebonisa ukuba kusekho indawo yokubangcono.

“Lorch, Ndiyavuya? Hayi, kodwa ndonwabile ngokuzolileyo, kwaye uyayazi ukuba ndifuna, kwaye nakumntu wonke ndifuna lukhulu,” utshilo uMokwena.

“…Ndihlala ndingumntu ofuna ngaphezulu kokwenza. Ndifuna okuninzi kum,ngoko oko ndifuna lukhulu kubadlali.

“Kufuneka sibe nomonde; ngamanye amaxesha uluntu alunamonde. Kufuneka sinyamezele uLorch. Akakabikho kwizinga endifuna abe kulo, kwaye luluvo lwam nje olo. Ndicinga ukuba angenza kakhulu kunoku, kodwa ndiyavuya njengoko ndibona ukuphucuka ngokuthe ngcembe.

Nanjengoko uMokwena efuna lukhulu kubo bonke abadlali bakhe nowayesakuba ngumdlali wePSL wesizini, uLorch, udize ukuba umqeqeshi naxa beziqeqesha ufuna lukhulu.

ULorch uyakuvuma ukukholelwa kukaMokwena kwisakhono sakhe, esithi umqeqeshi ulindele ukuba aphucule amagowuli akhe.

“Umqeqeshi ubenzima kum phakathi evekini ngokungawafaki amagowuli. Ndiyazifumana iibhola, kodwa andidubuli ngokwaneleyo, kwaye wayenzima kum,” utshilo uLorch.

“Ndiyavuya ndifumene amanqaku amabini. Ndingathanda ukubulela umqeqeshi ngomonde kum.

“Bekungekho lula kum, ndisuka kwiPirates ndisiya kwiSundowns. Kwafuneka ndizinze kwaye ndiyabulela kubafana. ”