
IPirates izibeke kumaqela asibhozo okugqibela kwiNedbank
I-Orlando Pirates iphumelele ngo 4 – 0 ibetha iHungry Lions ebeyinabadlali abalishumi kumjikelo wokugqibela wamagqibela alishumi elinesithandathu kumdllao weNedbankCup e-Orlando Stadium ngoMgqibelo.
URelebohile Mofokeng unyanzelise ukuba uMorena Monaheng agwaze umkhonto ekhaya ngemizuzu engamashumi amabini. Nangona iPirates ibiphethe ibhola ixesha elininzi beyingenzi nto eninzi yokuvavanya uGlen Baadjies.
IPirates iqhubeke nokulawula kwisiqingatha sesibini nokuba kube nesehlo esibi ngethuba uMakhehleni Makhaula ebebonakala ukuba uqulekile phambi kokuba akhutshelwe ngaphandle ngoncedo loogqirha.
Kubekho utshintsho kwisiqingatha sesibini uKabelo Dlamini noDeon Hotto baye bancedisa ukufumana amanqaku kamsinya emva kokungena kwa Tshegofatso Mabasa nenqaku likaMonapule Saleng ngokulandelelana. I-Lions bedlala nabadlali abangaphelelanga emva kokuba uSbongaoonke Yamkela Gamede wohlwaywe ngokuwisa uPatric Maswanganyi.
Ngaphambi kokuphela komdlalo uMabasa wongeze inqaku lesini elibetha ekoneni ,eziMnyama zadlulela kumaqela asibhozo okugqibela.
