
IGalaxy izihambele lula idlula kwiD’General kwiNedbank
I-TS Galaxy idlulele phambili kumaqela asibhozo okugqibela kwiNedbank Cup emva kokuphumelela ngo 3-0 idlala neD’General eFree State StadiumĀ emva kwemini ngeCawe.
Njengoko iFree State Stadium ibizele ngabalandeli beBloemfontein Celtic, iDāGeneral khange ikwazi ukuphazamisa iRocktets njengoko uSamir Nurkovic,Sphiwe Mahlangu noMlungisi Zwane baqinisikise ukuba badlulela kumjikelo olandelayo.
IRockets beziphethe umdlalo ixesha elide kodwa iqela lasekhaya liwafumene amathuba ambalwa okufaka amanqaku kwimizuzu eli-15 yokuqala kodwa yawaphosa yonke.
IGalaxy ikhokhele ngomzuzu wama-33 njengoko uNurkovic ebhalise igama lakhe efaka inqaku lokuqala. UMahlangu naye uthe akazuyeka ithuba lokufaka inqaku lesibini ngaphambi kokuphela kwisiqingatha sokuqala.Ā Ā
Iindwendwe zifumene inqaku lokugqibela ngenyawo likaZwane onikwe ibhola nguNurkovic, unozinti weD’General uPaseka Hlalele akakazwanga ukuyibona.
I-TS Galaxy iqhubekile nokulawula ibhola ukuya kumanqanaba okugqibela omdlalo.
