Nedbank Cup

AmaTuks ongeze iingxaki zeSwallows

AmaTuks akhiqe iMoroka Swallows kumdlalo weNedbank Cup kumjikelo weshumi elinesithandathu,ephumelela ngo 2-1 ngobusuku bangoLwesithathu eTuks Stadium eTshwane.

Emva kwesiqingatha sokuqala  esiphele singenamanqaku,uTeboho Mohlamonyanye uye waqhabalaka ngomzuzu wamashumi amahlanu anesixhenxe ebeka iwela elidlalankwiMotsepe Foundation Championship phambili.

ULwanda Mbanjwa ufake inqaku lokulinganisa ngomzuzu wamashumi asibhozo  Nangona kunjalo uThabang Sibanyoni ufake inqaku eliphumelelise i-University of Pretoria.

IDube Birds asikwazanga ukusebenzisa amathuba wabo acace gca kodwa eli qela elidlala kwisigaba sesibini belivale mba zivala zonke iinzame ebezenziwa ngamakhwenkwe kaMusa Nyatama.

Kungeniswe uGabadinho Mhango, Thakasani Mbanjwa, noLindokuhle Mtshali ukuzama ukunceda iqela.

AmaTuks liqela lokuqala elikwazike ukungena kumaqela okugqibela asibhozo kwiNedbank Cup. Oku kongeze iingxaki kweli qela laseSoweto. 

I-Tuks izakulinda amanye amaqela njengo ifikelele kumjikelo olandelayo.