EzintshaWomen's Football Super League

UMajiya unethembe lokuphumelela indebe yokuqala kwiSuper League

Umdlali osandula kutyikitywa yiMamelodi Sundowns Ladies uNthabiseng Majiya uqinisekile ukuba iiBrazilians ziza kukhusela intshinga yeHollywoodbets Super League.

UMajiya uzibandakanye neSundowns esuka kwiRichmond United eMntla Koloni kwaye sele efake amanqaku amathathu kwimidlalo emibini.

Ethetha neSABC Sport, uMajiya uqinisekile ngokufumana intshinga yakhe yokuqala yeligi kule sizini.

“Ngokuqinisekileyo iSundowns iza kuyikhusela iHollywoodbets Super League ngoba siliqela elilungileyo kwaye siza kuyikhusela, ngentliziyo yethu yonke,” utshilo uMajiya.

UMajiya waphumelela iwonga lokuba ngumdlali ogqwesileyo oselula (Young Player of the season) kwisizini ezimbini zika-2021 no-2022. Ngoku ngoyena mdlali ubalaseleyo ekufakeni amanqaku nogxa wakhe uBoitumelo Rabale noPhilisa Mjabane we-UWC. Banamanqaku mathathu ngamnye kwimidlalo emibini.

Nangona kunjalo, uMajiya wala ukwamkela lonke udumo ngendlela adlale ngayo ukusukela oko wafikayo eChloorkop.

“Xa ndifaka amanqaku andenzeli mna ndenzela iqela, xa umntu efaka amanqaku wenzela iqela,”wongeze watsho.

Kwisizini edlulileyo iSundowns Ladies yaphumelela intshinga yeCAF Women’s Champions League ityeli lesibini kwiisizini ezintathu, kwaye uMajiya ubulela umqeqeshi uJerry Tshabalala ngokukhokela iqela ngokuzimisela.

“Ukusebenza nomqeqeshi uJerry Tshabalala  onamava kumnadi kakhulu ngoba umqeqeshi unobuchule,unamava, uyayazi into emakayenze kwaye uyawazi umsebenzi wakhe,kumnandi kakhulu  ukusebenza naye.”uvale ngalamazwi.