
UBroos ubhengeze iqela lakhe neengquqo ezilishumi
Umqeqeshi weBafana Bafana u-Hugo Broos ubhengese iqela lakhe lokugqibela elinamalungu angama-23 eliza kuqubisana ne-Algeria kunye ne-Andorra kumdlalo wobuhlobo weFIFA ekupheleni kwale nyanga.
U-Broos ulwenzile utshintsho kwiqela lakhe le-AFCON, wenza iinguqu ezilishumi kwiqela lakhe le-AFCON, nabadlali abafana noBruce Bvuma, uSiyabonga Ngezana noKhanyisa Mayo abakhethiweyo.
Le midlalo yobuhloba izakudlalwa ngomhla we-18 ukuya kwe-26 kweyoKwindla.
Izakuba kokokuqala uBroos edibana neqela ukusukela emva kokuphuma kwindawo yesithathu kwitumente ye-AFCON ka-2023 ebibanjelwe e-Ivory Coast kwinyanga ephelileyo.
Imikhosi kaBroos ibethe iDR Congo ngo 6-5 kumapenalthi kumdlalo wokudlala indawo yesithathu ye-AFCON ukuze ifumane imbasa yobhedu.
ABafana baza kudlala umdlalo wabo ne-Andorra kwibala lemidlalo lomhla we-19 kuCanzibe ngo-1956 e-Annaba ngoLwesine, umhla wama-21 kweyoKwindla ngowama-2024.
Emva koko baza kuqubisana ne-Algeria, kumabala emidlalo iNelson Mandela eAlgiers ngoLwesibini, umhla wama-26 kweyoKwindla.
UMzantsi Afrika uzakube unethemba lokuqhubeka apho ubuyeke khona kwitumente yeAFCON.
Uluhlu lokugqibela lweBafana Bafana
Oonozinti: Ronwen Williams Williams [Mamelodi Sundowns], Bruce Bvuma Bvuma [Kaizer Chiefs], Ricardo Goss [Supersport United].
Emva: Sydney Mobbie [Sekhukhune United], Thapelo Morena [Mamelodi Sundowns], Nkosinathi Sibisi [Orlando Pirates], Aubrey Modiba [Mamelodi Sundowns], Tapelo Xoki [Orlando Pirates], Siyabonga Ngezana [FCSB, Romania].
Abadlala esiswini: Teboho Mokoena [Mamelodi Sundowns], Goodman Mosele [Chippa United], Sphephelo Sithole [CD Tondela, Portugal], Grant Margeman [SuperSport United].
Iifolosi: Themba Zwane [Mamelodi Sundowns], Oswin Apollis [Polokwane City], Patrick Maswanganyi [Orlando Pirates], Mihlali Mayambela [Aris Limassol, Cyprus], Mlondi Mbanjwa [AmaZulu], Khanyisa Mayo [Cape Town City], Iqraam Rayners [Stellenbosch FC], Elias Mokwana [Sekhukhune United].

