EzintshaWomen's Football Super League

Idabi leeDyunivesithi neminye imidlalo -ibuyile kwakhona iSuper League

IMamelodi Sundowns esanda kubhubhisa iRoyal AM ngo 4-0 kumdlalo wokuvula isizini ka-2024 yeHollywoodbets Super League. Iintshatsheli ezikhuselayo zijonge ukwenza into efanayo NgoMgqibelo.

IiBrazillians kulindekele zithathane phezulu neTS Galaxy Queens eziqale kakuhle eli phulo ngokuphumelela bedlala neJVW  kwimpelaveki ephelileyo.

Yindibano yabo yesithathu phakathi kwala maqela mabini kodwa eli qela laseMpumalanga awukho umdlalo eselewuphumelele xa bedlala neSundowns.  Babethwa komnye umdlalo,babuya badlala ntanganye neSundowns kunyaka ka-2023.

Umdlalo uzakudlalelwa e-UJ Soccer Stadium ngentsimbi yokuqala yaye kulindeleke kubuye abadlali uBambanani Mbane noThatho Letsotso emva kokuhlala ixesha elide ngenxa yokwenzakala. Bobani aba badlali bebengasetyenziswanga kumdlalo weRoyal AM ngeCawe ephelile.

Kwelinye icala e-UWC Stadium i-UWC ijonge ukufumana amanqaku aphelele xa bedlala ekhaya neFirst Touch Academy. 

Eli qela lafumana inqaku elinye kumdlalo wabo wokuqala nedlala neCopperbelt, banethemba lokuba abadlali abatsha abatyikitye neliqela – uRelebogile Phala, Nwabisa Qoba, Ongeziwe Ndlangisa, Ronnel Donnelly, Nolubabalo Sishuba – bazakubanceda kwiphulo labo. 

IBlues yamkele iFirst Touch Ladies elimeleyo emva kokubethwa yabhulelwa amasaka yi-UJ ngo 4-1.

Kwezinye iindawo,eWestbourne Oval eGqeberha iCity Lads yamkela Royal AM nayo entywizisayo emva kokubethwa yiSundowns.

IThunderbirds Ladies ibethwe kanobom ngo 3-0 ibethwa yiLindelani Ladies, kwaye iza kufuna ukujika amatye abe zizonka xa bedlala neRichmond United ,umdlalo uzakudlalwe eSisa Dukashe Stadium.

NgoMgqibelo iCopperbelt Ladies izakujongana neDurban Ladies eBoroka Gobal Village ePolokwane umdlalo uqala ngecala emva kwentsimbi yeshumi elinanye.

Mnye kuphela umdlalo oza kudlalwa ngeCawe.I-JVW ebethwe yiTS Galaxy idlala ne-UJ Ladies.  Esi sibini sidibanane-UJ Soccer Stadium ngo-15h00.

NgoMgqibelo

11h30 Copperbelt Ladies vs Durban Ladies

13h00 TS Galaxy Queens vs Sundowns Ladies

15h00 City Lads Ladies vs Royal AM

15h00 Thunderbirds Ladies vs Richmond United

15h00 TUT Matsatsantsa Ladies vs Lindelani Ladies

15h00 University of Pretoria vs University of Fort Hare

15h00 University of Western Cape vs First Touch Ladies

NgeCawe

15h00 University of Johannesburg vs JVW