
Kusweleke wamnye engozini yebhasi ebandakanya iTS Galaxy
Basinde cebetshu abadlali beTS Galaxy ngexesha ibhasi abebehamba ngayo bebhekise eMpumalanga itshayisene nemoto encinane ngoLwesibini emalanga.
IGalaxy beyisendleleni eya enkampini eNelspruit phambi komdlalo wabo neMamelodi Sundowns ebekulindeleke udlalelwe eMbombela Stadium ngoLwesithathu ebusuku.
Umqhube weVW Polo usweleke endaweni yexhwayelo ,uMongameli weGalaxy, uTim Sukazi uthe abadlali bakhe basothukile sesisehlo.
Ukwathe bayixelele iPSL ngale ngozi kwaye balinde ukuba ithathe isigqibo sokuba umdlalo uzakuqhubeka njengoko bekufanele okanye urhoxiswe.
“Kufanele sidlale neSundowns kusasa,” utshilo uSukazi kwiMetro FM ngoLwesibini ebusuku.
“Kodwa xa ujonga okwenzekileyo namhlanje ( ngoLwesibini) ukurhoxiswa komdlalo yeyonanto elungile. Kodwa sizakulinda iPSL.
“Abadlali (beTS Galaxy) abafumananga kwenzakala kodwa bothukile ngokubandakanyeka engozini nalapho iizithuthi zitshayisene okwenkunzi zegusha.
“Nangona kusweleke umqhubi wenye imoto kodwa baphazamisekile ezingqondweni.
“Xa ujonga abadlali bebonke nabaqeqeshi uyabona ukuba ngenene baphazamisekile ngento eyenzekileyo.
“Umdlalo weTS Galaxy neSundowns ngomnye wemidlalo ojongwe ngabomvu. Oku kuza emva kokujijisana ngamagama phakathi kwabaqeqeshi balamaqela uRulani Mokwena noSead Ramavic.
Bekulindeleke ukuba umdlalo uqale ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe eMbombela Stadium ngoLwesithathu. Kodwa ke ezifikayo zithi iligi ivumile ukuba umdlalo urhoxiswe.
