DStv Premiership

Ide yana nasenhlango kuphumelela iChiefs

Ekugqibeleni iKaizer Chiefs ide yaphumelela umdlalo kwiDstv Premiership emva kokuba uWandile Duba efake inqaku elimangalisayo kumdlalo wakhe wokuqala bebetha iGolden Arrows ngo 1-0 eFNB Stadium ngoLwesibini. 

UCavin Johnson wenze iinguqu ezintlanu kwiqela eladlala ntanganye neMoroka Swallows ngempelaveki,nalapho uDuba eqalise umdlalo wakhe wokuqala waze wazibonakalisa ngokufaka inqaku ekungahle lityunjwe njengenqaku lesizini. Ugobe ibhola eshiye uSfiso Mlungwana ongumgcini-zipali kwi-Arrows angazi noba kwenza ntoni emva kwakhe.

Indwendwe ziqale isiqingatha sesibini ngegiya eliphezulu besika kubande kwiChiefs imizuzu imibini siqalile isiqingatha sesibini,uKnox Mutizwa udubule ibhola ephume phezu kwepali.

Emva kokudlala ngaphantsi koxinizelelo  kunyanzeleke ukuba uDuba akhutshwe emva kokwenzakala indawo yakhe yathathwe ngu-Ashely Du Preez, walandelwa nguChristaian Saile ondawo yakhe ithathwe nguJassond Gonzalez. Ukungena kwabo akutshintshanga zinto njengoko iqela likaMabhuti Khenyeza libonise ukulambela ukubuya emdlalweni.

IChiefs ihleli kwindawo yesithandathu nangona iphumelele, ngamanqaku angama-29 ilingana ne-Orlando Pirates, edibana neCape Town Spurs ngoLwesithathu – phambi kweSoweto Derby.

Ngeli xesha, i-Arrows iye yabethwa kumdlalo weshumi elinanye kulo lonke ukhuphiswano kwaye ngoku yehlele kwindawo ye-11, inamanqaku angama-23.