
ISundowns itshise ibhayi zisuka kwiSuper League
Iintshatsheli ezikhuselayo iMamelodi Sundowns Ladies ziqale ukukhusela intshinga yazo yeHollywoodbets Super League ngokubetha iRoyal AM ngo 4-0 eLucas Moripe Stadium kwimpelaveki yokuvula isizini ka-2024.
UBoitumelo Rabale ufake amanqaku amabini ngelixa amanye efakwe ngu-Andisiwe Mgcoyi kunye nomdlali omtsha, uNthabiseng Majiya, oqale estulweni.
Amanye amaqela avule kakuhle isizini yi-University of Johannesburg (UJ) ebethe iFirst Touch Academy ngo 4-1 eLimpopo. URefilwe Maseko ufake amanqaku amabini kulo mdlalo njengoko i-UJ ibambe indawo yesibini ngamanqaku amathathu.
Komnye umdlalo oomakoti iLindelani Ladies ibambe indawo yesithathu, emva kokubetha iThunderbirds Ladies ngo 3-0 ngelixa abalingane bayo baseFort Hare University nabo baqale isizini yabo ngegiya eliphezulu ngokuphumelela ngo 2-1 kwiTshwane University of Technology (TUT) ekhaya.
IFort Hare isemva nje kweTS Galaxy Queens etafileni emva kokuba iRockets ibethe iJVW Girls ngo 2-0 eSoweto kumdlalo wayo wokuqala. UMamello Makhabane kunye noBusisiwe Ndimeni ngabo abeze nalo manqaku.
Ezinye iziphumo:
Copperbelt Ladies 2-2 University of Western Cape(UWC)
Richmond United 2-2 City Lads
Durban Ladies 2-0 AmaTuks

