Uncategorized

ISundowns ibuyise izitya kwiMazembe

UPeter Shalulile ufake inqaku ekukuphela kwalo kumdlalo weChampions League phakathi kweMamelodi Sundowns neTP Mazembe eLucas Moripe Stadium ngoMgqibelo emva kwemini.

Omabini la maqela eze emdlalweni sele engenile kumaqela asibhozo wokugqibala kwiCAF Champion League.ISundowns njengoko ihamba phambili kwigruphu yabo bazakuqubisana namaqela alele kwindawo yesibini.

Isiqingatha sokuqala siqale kancinci phantsi kwelanga elitshisayo eTshwane. Ayingomnqa into yokuba inqaku liza emva kwekhefu lokupholisa kwisiqingatha seyure.

ULucas Ribeiro udlalwe kakubi ngaphakathi kwebhokisi nguKevin Mondeko ukuze afumane isohlwayo kwanikezelwa ipenalthi kwiBrazillians.

UShalulile uyichole ibhola wathumela unozinti weMazembe u-Alioune Faty apho angazi khona.Iindwendwe zizamile ukuyiphazamisa indawo iSundowns kodwa uRonwen Williams akazange afumane ingxaki kwimizuzu engama-45 yokuvula.

IMazembe, ephumelele izihlandlo ezihlanu kolu khuphiswano, iye yagrogrisa abalandeli beSundowns kumatyeli aliqela kwisiqingatha sesibini kodwa iqela laseTshwane lahlala lizimisele ukuphumelela.

UTeboho Mokoena ube namathuba amabini okongeza amanqaku kwiqela lasekhaya.Okokuqala, i-free kick yakhe iyeyabanjwa ngasemva nguFaty kwaye kamva wadubula imbumbulu yebhoka kwindawo enzima xa wazifumana engaphakathi kwebhokisi kusele imizuzu 16 umdlalo uphele.

URulani Mokwena uzakuvuya yimpumelelo njengoko iSundowns ikwazile ukubuyisa izitya emva kokubethwa leli qela laseDRC eLubumbashi.