Uncategorized

Amehlo kaMokwena akwiFIFA Club World Cup

Njengoko kukhutshwe uluhlu lwamva lweFIFA Club World Cup kwiveki ephelileyo, umqeqeshi weMamelodi Sundowns uRulani Mokwena sele eneliso kolukhuphiswano oluzakudlala kunyaka ozayo.

Umbutho olawula ibhola ekhatywayo kwihlabathi iFIFA izakwandisa amawela kukhuphiswano lwango-2025 kutsho kube namaqela angama-32, amane azakuphuma e-Afrika.

Emva kokuphumela ngo 1-0 kwiTP Mazembe kumdlalo weCAF Champions League kule mpelaveki ukuze igqibe ihleli enkconkcoyini kuGroup A, umqeqeshi weDowns ukholelwa ukuba impumelelo yabo kolukhuphiswano iyabasondeza kwiClub World Cup.

Ukuphumelela kwigruphu apho kuneMazembe kusinika amanqaku nethemba njengoba siya kwelinye inqanaba. Ngoko ke ndiyazingca ngabadlali kwaye kufanele sibancome xa benza kakuhle,” utshilo uMokwena.

 ISundowns ikwindawo yesithathu kwindawo ephezulu emva kwe-Al Ahly neWydad Casablanca, esele iqinisekisiwe ngeendawo zayo kwiClub World Cup njengeephumelele iindebe ezimbini ezidlulileyo zeChampions League.

IiBrazillians zingangena ngokuphumelela iChampions League kulo nyaka okanye zibambelele kuluhlu, nanjengoko uMokwena ecacisa ukuba kutheni le yenye yezinto ekujoliswe kuzo iqela laseChloorkop.

“Ngumnqweno weqela, iqela lifuna ukuba lingabi lelinye lawona maqela abalaseleyo kwizwekazi le-Afrika kodwa ligqwese nasehlabathini,” wongeze watsho uMokwena.

 “Ndithetha nje kuba ndiye  ndachithe ixesha eBrazil, xa kudlala isizini okanye ngexesha lekhefu [ikhefu le-AFCON] ekuqaleni konyaka  kwaye into esiyenzileyo iyamangalisa ngoba uya eBrazil bayathetha, ‘Owu, uyiSundowns. umqeqeshi kwaye into yokuqala abathetha ngayo luhlobo lwebhola esiyidlalayo.”

 Ekuphela kwento eyakha yabonakala kuyo iSundowns kwiClub World Cup yayiphantsi komqeqeshi ngelo xesha uPitso Mosimane eJapan ngo-2016 emva kokuphumelela iChampions League kwiinyanga ezimbalwa ezidlulileyo – uMokwena njengomncedisi wakhe.

 “Phantse wonke amaqela, uya eFluminense, babuza ukuba ‘Ufumana njani iqela ukuba lidlale ngolo hlobo’. Uya eFlamengo, uya eVasco [da Gama S.a.f.], Botafogo kwaye bathi ‘Ayikholelwayo’, iyamangalisa indlela esidlala ngayo.

Xa indlela iqela elidlala ngayo lifikelela umhlaba wonke unokucinga nje ukuba sikhe safika Club World Cup kungabanjani.