
UMahlatsi unekhaya elitsha
Umdlali weli odlala esiswini uKamohelo Mahlatsi ufumene iqela elitsha kwiPremier Soccer League emva kokushiya kwiKaizer Chiefs.
Lo mdlali oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) wakhuliswa kwiSupersport Academy phambi kokuba adlale kuBuntu Cape Town nakwiUniversity of Pretoria.
Ubesincwadini zeMoroka Swallows ngo2020 apho adlale imidlalo engamashumi amahlanu anesihlanu.
Lo mdlali owayesakudlalela iBafana Bafana watyikitya neChiefs 2022 kodwa wahlukana naMaKhosi kwinyanga yoMsintsi ophelileyo emva kokuba edlale imidlalo esixhenxe kuphela kulo lonke ukhuphiswano.
NgoLwesihlanu iChippa United ibhengeze ukuba ityikitye isivumelwano sengqesho noMahlatsi emva kokuba bevunyelwe ukuba bangatyikitya abadlala yiFIFA.
UMahlatsi ngumdlali odlala ngonyawo lwasekhohlo onokuthi adlale njengomdlali wasesiswini ohlaselayo,okanye njengomdlali ophambili.
Ngaphambili kwaxelwa ukuba lo mdlali owayedlalela iqela laseNaturena wayezilolonga neChilli Boy’s phambi kokuba eli qela ligqibe kwelokuba limtyikitye simahla.
UMahlatsi uzakuhlangana nabadlali abafana nonozinti weNigeria uStanley Nwabali
