Women's Football Super League

IHollywoodbets Super League ibuye ngamandla

Iligi yebhola yabasetyhini iHollywoodbets Super League iqala isizini entsha kule mpelaveki. Imidlalo ibonakala ithembisa kwaye izakunika umdla njengoko izakuqala ngoMgqibelo,umhla wesibini kuMatshi.

Kwisizini ephelileyo kwafakwa amanqaku angaphaya kwamakhulu asixhenxe anamashumi amabini kwaye iMamelodi Sundowns yaphumelela iligi okwesithathi izihlandlo zilandelana.

Kweli tyeli intshatsheli ezikhuselayo zibheke ukuphumelela iSuper League okwesine lo gama amanye amaqela esazi ukuba kuzakufuneka anyuse iikawusi ukuze amelana nayo iligi.

Mabini amaqela amatsha anyuselweyo kwiSasol League emva kokutyiwa lizembe kweMa-Indies kunye neCoal City Wizards.I-University of Fort Hare neLindelani ngamaqela amabini amatsha azakube etshotsha entla namaqela akwiSuper League kulo nyaka.

Balishumi abadlali abatyikitywe yiTuks Ladies. IRichmod United ephulukene noNthabiseng Majiya ityikitye uLucia Lebone osuka kwiDurban Ladies,Ntaoleng Tsheledi osuka eLesotho kwalunye noRoseline Dube waseZimbabwe.

Kusenjalo iJVW ityikitye uNomathasanqa Sikweza,Mmabatho Mogale osuka kwiTuks Ladies. Banyusela uJulia Goncalves,uTanna Hollis kunye noTaylor Berkovic kwiqela lokuqala.

IDurban Ladies FC iza kuqubisana ne-University of Pretoria kumabala emidlalo yaseChatsworth kumdlalo ekulindeleke ukuba ube shushu. I-JVW FC iza kuqubisana neTS Galaxy Queens e-UJ Soweto Campus, ngelixa iMamelodi Sundowns Ladies izakubambana neRoyal AM eLucas Moripe Stadium.

Imidlalo seyiyonke ngoMgqibelo, 2 Matshi

11:30 Copper Belt v UWC

13:00 Durban Ladies v Tuks Ladies

13:00 Lindelani Ladies v Thunderbirds Ladies

13:00 JVW FC v TS Galaxy Queens

13:00 Richmond United v City Lads

15:00 University of Fort Hare v TUT Matsatsantsa

NgeCawe ,3 Matshi 2024

11:00 First Touch Ladies v University of Johannesburg

15:00 Mamelodi Sundowns Ladies v Royal AM