DStv Premiership

URamovic ngumntu othanda amehlo-Mokwena

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uRulani Mokwena, akavumanga ukubandakanyeka kwenye imfazwe yamagama nogxa wakhe weTS Galaxy uSead Ramovic, athe ujonge ukuhoywa.

Ethetha emva kokuba iSundowns ibethe AmaZulu ngo 3-0 kumdlalo weDStv Premiership eLoftus Stadium ngoLwesibini ebusuku, uMokwena – njengoko bekulindelekile – ucelwe ukuba aphendule kwizityholo zikaRamovic zokumthuka ngethuba emtsalela umnxeba.

UMokwena, oqale wathandabuza ukuthetha, ukholelwa ukuba umcebisi weGalaxy ufuna ukuqatshelwa nje kuphela.

“Madoda, yonke into ayikhalelayo – andazi ukuba kutheni ningawuva lo myalezo kwaye into ayikhalelayo kukuba, uphumelele imidlalo emihlanu ilandelelana, mnikeni ingqwalasela, nimncome, ucela injezu – mnikeni lonto,” utshilo uMokwena ephoxa.

“Umfana ufuna nimve nombone, uthi, ‘Ndiphumelele imidlalo emihlanu ngokulandelelana, akukho mntu uthetha ngalonto.’ Mbekeni phambile Abe ngundabamlonyeni.”

“Uphumelele imidlalo emihlanu, wanixelela. Umdlali wakhe wangasemva  uncede bafumana amanqaku asibhozo kwaye wanixelela. Mhoyeni xa mingamniki lento ayifunayo uyahamba afune ukuba ngundabamlonyeni.

Uqhushululu lwaqala ngo-Okthobha wonyaka ophelileyo xa uMokwena wayekhalazela ukungafumaneki kwabadlali beDowns, bekwiBafana Bafana ngethuba iGalaxy yabakhupha kwiCarling Knockout Cup.

URamovic utyhole uMokwena ngokungenzi kakuhle njengogxa wakhe kodwa umqeqeshi weDowns umi ngelithi  akanangxaki yokuxhawula isandla sikaRamovic xa bequbisana neRockets kumdlalo weligi kwiveki ezayo.

“Ukuba ufuna ukundibamba isandla, ndiya kumbamba isandla. Akukho ngxaki.”utshilo umqeqeshi.