DStv Premiership

UMokwena ufanise uZungu noMascherano

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns uRulani Mokwena ufanise uBongani Zungu nomdlali owayesakudlalela iLiverpool neBarcelona.

UZungu ngomnye wabadlali aba phambili kwiintshatsheli zeDstv Premiership. Kutshanje uye wafakwa kwindawo eyahlukileyo kunale ebeqhele ukudlala kuyo(esiswini).

Lo mdlali owayesakuba ngumdlali weBafana Bafana ngoku udlala ngasemva ixesha elininzi.UZungu oneminyaka engama-31 ubudala udlale imidlalo engam-23 kuyo kule sizini.

Umqeqeshi weSundowns uthi uZungu udlala kakuhle kwindawo yakhe entsha yaye udlala njengo Javier Mascherano.

“UBongs [Bongani Zungu] undikhumbuza [uJavier] Mascherano. Ukuba uyakhumbula laa ndima uMascherano awayidlalayo kwiBarcelona mhla wayishiyayo iLiverpool waya kwiBarcelona njengomdlali odlala embindini wesisu kodws abuye ngasemva ukuyokhusela,” utshilo uMokwena.

“UBongs uyenza kakuhle kakhulu loo nto. Kwaye babambisene kakuhle kakhulu noTebza (Teboho Mokoena).“UBongs unesakhono sobuchule, sobuchule [kwinkalo], enamava kakhulu.

UMokwena uncome uZungu ngeempawu zobunkokeli aza nazo kwiqela.

“Wenza kakhulu,ndiyazingca ngaye. Kubalulekile ukuxhasa abadlali abaselula kwaye ulawule iqela. Akadingi bhanti lobukapteni ukuze akhokhele.”wongeze watsho.