Women's Football Super League

Uyazibuza ukuba iphi imidlalo yeBanyana kwi-SABC?

I-SABC iphulukene namalungelo okubonisa imidlalo yeBanyana Banyana yeCAF Womens Qualifiers neTanzania.

IBanyana yadlala neTanzania kumlenze wokuqala e-Azam Complex Stadium nalapho iqela lalapha ekhaya laphumulela ngamanqaku amathathu eqandeni. Umlenze wesibini ungokuhlwa namhlanje eMbombela Stadium eMpumalanga.

Ijelo losasazo oluhlawulelwayo iSuperSport liza kubonisa imidlalo yomibini, engumjikelo wesine wokuzibeka indawo kwi-Olympiki eParis.Ukuba iBanyana iyayibetha iTanzania, izakudlala neNigeria njengoko iSuper Eagles zibethe iCameroon ngenqaku elinye eqandeni kumlenze wesibini.

IBanyana isendaweni entle njengoko ihamba phambili ukuya kumlenze wesibini. Umjikelo wokugqibela uza kuveza ukuba ngubani ozakumela i-Afrika kwibhola ekhatywayo yasetyhini kwi-Olympiki.

Umbutho webhola ekhatywayo kweli loMzantsi Afrika (iSafa) kunye neSABC bekulindeleke ukuba badibane ukuze baxoxe ngohlaziyo lwesivumelwano sabo, esibone umsasazeli woluntu ebonisa imidlalo yeBanyana neBafana, ingakumbi xa idlalelwa ekhaya.

Kukholeleka ukuba iSuperSport iwajongile amalungelo eBanyana neBafana xa iSABC neSafa zingafikelelanga kwisivumelwano.