DStv Premiership

URiberio Costa uwangcwabe ngokwakhe AmaZulu

IMamelodi Sundowns ithe chu kodwa ngokuqinisekileyo ijonge ukuphumelela iDstv Premiership yesixhenxe kulandelena emva kokutywatyusha AmaZulu ngamanqaku amathathu eqandeni afakwe nguLucas Riberio Costa ngoLwesibini ebusuku.

Ngenene iiBrazillians bezikhangeleke njengeentshatsheli ezikhuselayo njengoko zibethe Usuthu okwesibini ukuze zihambe phambili ngamanqaku alishumi elinesibini kwiligi yeli.

Umqeqeshi weDowns, uRulani Mokwena, wenze iinguqu ezine kwiqela ebelidlala kumdlalo weCAF Champions League nalapho babetha iNouadhibou yaseMauritania ngamanqaku amabini ngoMgqibelo.

ULucas Ribeiro Costa ufake amanqaku kwimizuzu engama-48,57 kunye ne-78 ukuze angcwabe Usuthu.URiberio ufake inqaku lokuqala ngethuba unozinti oselula wo-Usuthu u-Olwethu Mzimela engakwazanga ukubambelela kwibhola ebibethwe linqina likaGaston Sirino kwimizuzu emithathu kwisiqingatha sesibini evumela umdlali waseMzantsi Melika ukuba achwethelise ibhola.

Ufake inqaku lesibini emva kokuncediswa nguLebogang Maboe ngomzuzu wamashumi amahlanu anesibhozo ngethuba iSundowns iqala ukoyisa iindwendwe.

Le folosi igqibezele amanqaku wakhe amathathu ngokubetha engaphandle kwebhokisi emva kokuba efumene ibhola entle ephuma kuBongani Zungu.

ISundowns iye yasokola ukudlula kubadlali bangasemva bamaMaZulu kwisiqingatha sokuqala apho ifumene imbumbulu enye kuphela. Ngesiqingatha sesibini bebejonge kwelinye icala njengoko befake amanqaku amabini kwimizuzu elishumi yokuqala kuqale umdlalo.

Usuthu luzamile ukubuyela emdlalweni kodwa unozinti weSundowns, uRonwen Williams, walibeka entloko iqela lakhe ngethuba ekhanyela uAugustine Mulenga ngomzuzu wamashumi asixhenxe.

IDowns iphumelele iligi kwisizini edlulileyo kusasele imidlalo esixhenxe. Njengokuba bengekaphulukani nomdlalo kwimidlalo eli-16 kule sizini, kunokwenzeka ukuba bangaphumelela indebe kusele imidlalo eli-10 kweli xesha ukuba amaqela asondeleyo kubo ayaqhubeka nokulahla amanqaku.

Iqela likaMokwena liza kwamkela iTP Mazembe yaseCongo eLoftus Stadium ngeCawe kwimidlalo yeChampions League kaGroup A.

Usuthu alukaphumeleli mdlalo weligi kulo nyaka emva kokubethwa ngo 3-1 yiCape Town City ehleli emsileni ngaphambi kokubethwa yiSundowns. Ukuphumelela ekhaya kwiMoroka Swallows ngoLwesibini kuza kuvuselela ithemba loSuthu olukwindawo yeshumi.