DStv Premiership

Ndingathanda ukuhla kwiChippa -Nwabali

Unozinti weChipa United uStanley Nwabali uthethe ngamarhe okuba ungumdlali ofunwa ngamaqela amaninzi emva kokudlala kakuhle kwi-Africa Cup Of Nations ka-2023.

UNwabali udlale indima ebalulekileyo ngelixa iNigeria ifikelela kumdlalo wamanqamu we-AFCON ebibanjelwe e-Ivory Coast.  ISuper Eagles yafumana imbasa yesilivere kule tumente emva kokubethwa yi-Ivory Coast kumdlalo wokugqibela wetumente.

Lo nozinti weChilli Boys wenza kakuhle kakhulu nalapho kwimidlalo emine wagcina iipali zakhe engangenelwa manqaku. Uphulukane kancinane neGolden Glove neyaphunyelelwa ngumgcinizipali weBafana Bafana uRonwen Williams.

UNwabali ukwisizini yakhe yesibini kwiDStv Premiership emva kokujoyina iChilli Boys ekuqaleni kwesizini ka-2022/23.

Lo mgcinizipali oneminyaka engama-27 ubudala udlale imidlalo eli-15 kwiligi kwiChippa, ekwazile nokubeka ngaphandle unozinti waseNamibia, uLloyd Kazapua, engekho kubadlali abaqalayo.

Njengoko iingxelo zamajelo eendaba zibanga ukuba uNwabali ukuluhlu lweminqweno yamaqela ambalwa, uthethe wenjenje.

“Ndibona izinto ezithethwayo kumakhasi onxibelelwano kuphela, xa ndithetha inyani, ndibona izinto ezithethwa kumakhasi oxibelelwano kuphela kwaye abanye babahlobo bam bafota bazithumele kum besithi siyeza eso sithembiso,” utshilo uNwabali.

“Kodwa xa ndithetha inyani, andikaze ndifumane nto ebambekayo kwelam icala.”

UNwabali uqhube wathi akazukuhlala ixesha elide kwiChippa nangona enobudlelwane obuhle nosihlalo weqela, uChippa Mpengesi.

“Usihlalo undinike izizathu ezininzi zokuba ndisebenze kwi-AFCON kuba ebendithumelela imiyalezo emininzi endinqwenelela okuhle kodwa naphambi kwelizwe lakhe.

“Yinto endingazange ndiyikholelwe – Ndazibuza ukuba kutheni lendoda izokwenza into enje. Ndimxabisa ngokwenene, yaye xa ndithetha inyani, ndimtyala kakhulu; abantu bathi uStanley makayishiye iChippa. Ndinqwenela ukumsebenzela eminye iminyaka emibini, kodwa andiqondi ukuba loo mnqweno iya kuza.”