
USeoposenwe ujonge ukubhiyozela ikhulu lemidlalo edlala kwiBanyana
Ifolosi uJermaine Seoposenwe uchaze into ekufuneka yenziwe yiBanyana Banyana ukuze iqoshelishe umdlalo wayo wokuzibekela indawo kwi-Olympiki neTanzania ngoLwesibini ebusuku.
IBanyana Banyana ijonge ukuqukunjelwa komlenze wesibini kuMjikelo weSithathu weCAF Wokuhlungela i-Olimpiki kunye neTanzania xa la maqela mabini edibana eMbombela Stadium ngoLwesibini
Banyana ibikhonya kumdlalo wokuqala wokuhluzela i-Olimpiki kumjikelo wesithathu neTanzania ngenjikalanga yangoLwesihlanu eDar es Salaam nalapho ithe yaphumelela ngo 3-0.
Eso siphumo sibabeke kwindawo entle yokuqhubela phambili ukuya kumjikelo wokugqibela nalapho bendable baqubisane neNigeria okanye iCameroon.“Kufuneka sizame ukulawula umdlalo kwasekuqaleni,” utshilo uSeoposenwe.
“Sinawo umgangatho, nangona ngamanye amaxesha kubonakala ngeziqwengana.“Kufuneka silawule umdlalo, silawule umdlalo kunye nesantya ngokunjalo.
“Kufuneka sijonge apho sibuthathaka khona. Kukho amaxesha ambalwa apho sakha kakuhle ukusuka ngasemva (ngoko kufuneka sakhele phezu koko).
Nangona iBanyana iqhube kakuhle kumdlalo wokuqala – ngabadlali abathathu beSeoposenwe, uThembi Kgatlana noHildah Magaia bewafumene onke amagowuli – uSeoposenwe akakholelwa ukuba bebekwinqanaba eliphezulu.
Ukhethe umdlali wasemva uLebogang Ramalepe njengomdlali wakhe obalaseleyo ngolo suku.“Sasidlala ngeziqendu,” ucacise watsho, “kodwa lo ngumphumo wokuba singabi kunye ixesha elide.“Ndiyazi ukuba singenza ngcono kodwa ndiyazingca ngeqela.
Asingenelwanga ngamanqaku.URama wayenomdlalo omangalisayo, kum. Wayengumdlali obalaseleyo.”
IBanyana iyonwabele indlela encomekayo kule minyaka yakutsha nje, iphumelele iWomen’s Africa Cup of Nations kwaye ikwazile ukuzibonakalisa kwimidlalo yeNdebe yeHlabathi yeFIFA.Nangona kunjalo, baphoswe yimidlalo yokugqibela ye-Olimpiki eTokyo kwiminyaka emine eyadlulayo emva kokubethwa kwabo yiBotswana kumdlalo wokuhluzela.
USoposenwe ukholelwa ukuba iqela labo lakutshanje liyibambe kakuhle kwiBanyana.“Abadlali (aba) bawafakile ammanqaku yinto endicinga ukuba umqeqeshi uyilindele kumdlalo olandelayo. Ndicinga ukuba mna, uHildah noThembi sibe neesizini ezintle kumaqela ethu,” utshilo.
“Ke, ndicinga ukuba sizisa amava ethu kwiqela lesizwe, kwaye ndicinga ukuba iyamangalisa. Sisanda kubuyela emgceni, kwaye sazana kakhulu. “
Kwakuwo lo mdlalo USeaposenwe ujonge ukudlala umdlalo wakhe wekhulu ekwiBanyana.
