Bafana BafanaEzintsha

IBafana isendaweni ephucukile kuluhlu lwamva lweFIFA

 IBafana Bafana isendaweni ephucukile kuluhlu lwamva lweFIFA emva kwetumente ye-Afrixa Cup of Nations ebibanjelwe e-Ivory Coast.

 UMzantsi Afrika ugqibe kwindawo yesithathu kukhuphiswano lweCAF AFCON olusandula kuphela, ubuyela ekhaya nembasa yobhedu.

 Ezika-Hugo Broos zifike kwisikhululo seenqwelomoya i-O.R Tambo International ngentsasa yangoLwesithathu,nalapho bafumane ukwamkelwa ngamakhulu abalandeli emva kwetumente apho benze kakuhle kakhulu.

 IBafana inyuke ngeendawo ezisibhozo ukuya kwindawo yamashumi amahlanu anesibhozo(58) kuluhlu lwamva nje lweFIFA. Phambi kwetumente yeAFCON, iBafana ibibekwe kwindawo yamashumi amathandathu anesithandathu kwihlabathi.

 Ngenxa yoko, uMzantsi Afrika lelinye lamazwe alishumi ase-Afrika aphezulu kuluhlu lwamva nje lwehlabathi.

 Ukongeza koko, uMzantsi Afrika ukwabekwe kwindawo yeshumo (10) eAfrika. 

Eli lelona nqanaba ligqwesileyo le-CAF liqela lesizwe elikuyo ukusukela ngoJanuwari ka-2014

  Ilizwe elihamba phambili e-Afrika kuluhlu lwamva lweFIFA iMorocco nayo inyukele ngentla njengokuba bekwindawo yeshumi elinesibini (12).

 ISenegal, iNigeria, i-Egypt, i-Ivory Coast, i-Tunisia, i-Algeria, i-Mali, neCameroon ngamanye wamazwe achophe phezulu  kuluhlu lweCAF.

 Iintshatsheli zeHlabathi i-Argentina zihlela phezulu kuluhlu zilandwelwe yiFrance  engazanga ikwazi  ukukhusela iNdebe yeHlabathi.

 INgilane ikwindawo yesithathu ilandelwa yiBelgium. IBrazil neNetherlands zikwahleli kwindawo yesihlanu neyesithandathu ngokulandelelanayo.

 Njengokuba iBafana idlale ngendlela encomekayo kwitumente ye-AFCON, izakuba nethemba lokuqhubeka nokunyukela phezulu phantsi kweliso lomqeqeshi waseBelgium, uHugo Broos.